ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa lizilele ukubhubha kwabasebenzi ababini.

By Asipile Kitchen.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Kapa, uNtandokazi Capa, uvuke ngomothuko ngentlungu yokubhubha kwabasebenzi ababini besibhedlele saseSt Elizabeth, umongikazi oqeqeshelwe umsebenzi kwanosekela mlawuli.

Esi sibini kuthiwa sidutyulwe sabulawa kwikhaya laso kwilali yaseParlmerton ngaphandle kwaseLusikisiki.

Asaziwa isizathu sokubulawa kwabo, kwaye amapolisa azakuqhuba uphando lolwaphulo-mthetho. Esi sisiganeko sesibini esibandakanya abasebenzi bezempilo ababulawa ngenkohlakalo kwisithuba esingaphantsi kweveki.

Ebutsheni beveki, iGosa leAmbulensi elineminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala lidutyulwe kamsinya nje emva kokuphuma emsebenzini eJansenville.

UCapa ukhathazeke kakhulu zezi ziganeko. Ukuphulukana nobomi yinto enzulu kakhulu.

“Egameni lesebe lezempilo lilonke, sinqwenelela iintsapho nabahlobo babo uxolo ngeli xesha lokuzila,” utshilo.

“Aba basebenzi babhubhe ngexesha ilizwe lithembele kakhulu kubuchwephesha babo njengeengcali ebezisebenzela abemi balo ngokuzinikela nangemfezeko,” wongeze watsho uCapa.

U-MEC umemelele amapolisa ukuba athathe amanyathelo akhawulezileyo ukuqinisekisa ukuba abenzi bolu lwaphulo-mthetho bayagwetywa. Amagama abasebenzi abaswelekileyo akanakuchazwa de izalamane zabo zaziswe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA