ISebe lezeMpilo lilumkisa ngevidiyo engeyonyani ebanga ukuba I sitofu sokugonya se-COVID-19 sineziphumo ezibi.

By Buhle Nomgalasa.

ISebe lezeMpilo eRhawutini lilumkisa uluntu kuzwelonke malunga nevidiyo yomgunyathi eyenziwe ngobukrelekrele bokwenziwa kwenzululwazi yaseMzantsi Afrika, uNjingalwazi Salim Karim, esithi iyeza le-COVID-19 lineziphumo ezibi.

ISebe lilumkise ngelithi le vidiyo ilahlekisa uluntu, libakhuthaza ukuba basebenzise i-oyile yeenyoka ukunyanga isitofu sokugonya. Unjingalwazi uKarim uye wazikhwebula kwividiyo elahlekisayo.

UMphathiswa wezeMpilo uAaron Motsoaledi ucele uluntu ukuba luphephe ukusebenzisa amayeza omgunyathi.

ISithethi soMphathiswa wezeMpilo, uSello Lediga uthi “UMphathiswa uMotsoaledi ukhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokwamkela zonke izitofu zokusindisa ubomi ezivunyiweyo yiSouth African Health Products Regulatory Authority (SAHPRA) kunye neSebe lezeMpilo leSizwe. Ngoko ke uhlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basondelelane, bahlukanise imikhosi yobumnyama kwaye bazibandakanye kumlo wokuchasa ulwazi kunye nobuxoki. “

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA