ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni (i-ECDOT) liza kubamba iSimpoziyam yalo yesiBini yoPhando lwezoThutho, lidibanisa iingcali ezivela kwizikolo zemfundo ephakamileyo, kushishino nakurhulumente ngomhla wesithoba ukuya kumhla weshumi elinanye (09-11) kweyoKwindla ka2026, ngentsimbi yesibhozi (08:00) kusasa kwiZiko leMidlalo yangaphakathi kwiYunivesithi yaseNelson Mandela, eGqeberha.
Injongo yalengwungquthela kukuqinisekisa ukuba umsebenzi weSebe usekelwe kuphando oluthembekileyo kunye nokucinga okutsha.
Le Simpoziyam iyinxalenye yokuzibophelela okuqhubekayo kwesebe lezothuthi ekutshintsheni ngokusebenzisa ubuchule kunye nocwangciso olusekelwe kuphando. Iingxoxo zalo nyaka ziza kugxila ekwakheni kwakhona nasekuphuculeni uthungelwano lwemizila yooliliwe ephondweni njengesishukumisi sokukhula koqoqosho, ukuhambahamba okukhuselekileyo, kunye nophuhliso oluzinzileyo.
Kulindeleke ukuba olu nxibelelwano luvelise iingcebiso ezinokwenzeka ukukhokela utshintsho lomgaqo-nkqubo, utyalo-mali lweziseko zophuhliso, kunye nophuhliso lwexesha elide lwecandelo loololiwe eMpuma Koloni.

