IShishini lonoteksi licela inkxaso-mali kuRhulumente kuHlahlo-lwabiwo mali lwalonyaka.

By Asipile Kitchen.

I-SA National Taxi Council (Santaco) icela uMphathiswa wezemali uEnoch Godongwana ukuba alibandakanye ishishini leteksi kuHlahlo-lwabiwo-mali luka-2025.

Xa intetho yohlahlo lwabiwo mali izokwenzeka ngoLwesithathu, unobhala jikelele weSantaco uDaki Qumbu ukholelwa ukuba abaqhubi bafanelwe yinkxaso-mali. Eli shishini lifumana ipesenti enye (1%) yenkxaso-mali yoluntu ngokusebenzisa inkqubo kaRhulumente, eqinisekisa ukhuseleko kwelishishini.

Kudliwano-ndlebe ne-Newzroom Afrika, uQumbu uxoxe wathi ngelixa elishishini linenzuzo, ayonelanga ukuligcina, ikakhulu emva kwe-Covid-19.

“Ishishini liyayenza imali kodwa ingaba yimali enjani? Ingaba iyabonela abantu abaxhomekeke kwelishishini leteksi? Sithetha ngento encinci apha, kwaye abantu bayasokola. Ukusukela ngela xesha leCovid-19, oko kwakunzima kwishishini le teksi ukuba lichache kuhle kwakhona,” utshilo.

“Akukho mali. Abantu abasakwazi ukuthenga ezinye izithuthi okanye bagqibezele ukubhatala izavenge. Iinstapho ezininzi ziyabandezeleka, kwaye sikholelwa ukuba lilungelo leshishini leteksi ukuba lifumane inkxaso-mali, njengazo zonke ezinye izithuthi. Sinethemba lokuba uMphathiswa uzolibandakanya neli lethu ishishini kwintetho yohlahlo lwabiwo mali.”

Ishishini leteksi kuqikelelwa ukuba linexabiso elingapha kwamashumi alithoba ebhiliyoni zeerandi (R90bn) ngonyaka kwaye liqesha abantu abangamakhulu amathathu amawaka (300 000) ngqo nangokungathanga ngqo.

Ngo-2020 owayesakuba ngumphathiswa wezothutho uFikile Mbalula waveza isindululo sokwazisa inkxaso-mali ezokuya kwishishini leteksi kuTshazimpunzi 2021, esithi inkcukacha zingaxoxwa eLekgotla ngabo badlala indima kule nto. Nangona kunjalo, le nto zange ibeyinto ephathekayo.

KweyoCanzibe ngo-2022 uMbalula waxelela ingqungquthela yokhetho yeSantaco ukuba ukuyeka ukulwa ngogonyamelo nezinye, zizinto ezikwi krayitheriya engaxoxisiyo yokufumana inkxaso-mali kurhulumente.

“Ukuthatha inkxaxheba kumalinge ezorhwebo okanye ekwenzeni imisebenzi yezoqoqosho usebenzisa imali yoluntu kukhokelela ekubeni ingenelo esuka kutyalo-mali olunjalo, lunyanzela ukuba kufakwe wonke umqhubi nokuba akabandakanyeki,” watsho.

Abaqhubi abakwelishishini baye bazikhaba inzame zokuzama ukulawula elicandelo.

Inkxaso-mali yexeshana yangeCovid-19 eyiR1.4bn karhulumente yakhatywa ngawo omane ngabaqhubi abakwishishini leteksi, uBusiness Day wakhupha ingxelo etshoyo. Phakathi kwemeko ezinxunyulwaniswa nalenkxaso yayikukuba abaqhubi bazibhalise njengamashishini babenazo ne-akhawunti zebhanki apho kwakuzobhatalwa khona esi sibonelelo, kwaye lamashishini kufuneka abhaliselwe nerhafu ehambelana nokuqhuba ishishini .

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
85 %
2kmh
100 %
Sat
20 °
Sun
23 °
Mon
23 °
Tue
31 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA