I-Directorate for Priority Crimes Investigation (eyaziwa njengeeHawks) ithi uGladys Ntlawuzana-Komboyi ugwetywe kwinkundla yengingqi yaseMthatha kule veki.
UNtlawuzana-Komboy waayeqeshwe njengomongikazi oqeqeshiweyo kwisebe lezempilo kwaye ephangela kwisibhedlele iBambisana, eLusikisiki.
UNtlawuzana-Komboyi waafunyanwa enetyala lokubhalisa ngobuqhetseba ukuzalwa kwamawele, awayengekho, ngomhla weshumi elinesibhozo kaNovemba ku2022.
Waabanjwa noNwabisa Precious Godlwana (36) noMantshangase Abigail Godlwana (59) kunye noGcobisa Godlwana (22) ngomhla weshumi elinanye kweyoMsintsi ngo2023 ze bakhululwa ngebheyile yamawaka amathathu eerandi.
OoKhetshe bathi ityala labathathu abaseleyo lisachotshelwa enkundleni.
Isithethi sooKhetshe, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi kutyholwa ukuba ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyeNkanga ngo2022, isicelo sesiqinisekiso sokuzalwa kutyholwa ukuba senziwaa kwisebe lezekhaya eFlagstaff nguGcobisa Godlwana kusenziwa iqhinga lokuba ngunina wamawele.
Ngosuku olulandelayo, umama kaGcobisa, uMantshangase, kutyholwa ukuba uye wafaka isicelo seSibonelelo seNkxaso yoMntwana (CSG) kwi-Arhente yoKhuseleko lweNtlalo yoMzantsi Afrika (Sassa) eBizana egameni lentombi yakhe.
UMhlakuvana uthi kukho ukungangqinelani okuchongiweyo, kwaye lo mbandela wadluliselwa kooKhetshe.
“Uphando ludiza ukuba iintlawulo zenziwe ngeSibonelelo seNkxaso yoMntwana (CSG) kumfaki-sicelo, uMantshangase kwaye iyonke imali ayifumeneyo ixabisa amawaka amane namakhulu asibhozo kunye namashumi alithoba elinesibini eerandi,” utshilo uMhlakuvana.
“Ngaphezu koko, uphando ludize ukuba loo mawele abhaliswa ngobuqhophololo kwiSebe lezeKhaya kwaye afumana intlawulo yeCSG ayengekho kwaphela.”
By Siyakholwa Vuso