ITyala lika-Omotoso lihlehlisiwe ukuze kulu8ngiselwe isigwebo.

Lihlehliselwe umhla wesibini (02) kuTshazimpuzi ka-2025 ityala elijongene nomvangeli uTimothy Omotoso, oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) nabanye ababini atyholwa nabo uLusanda Sulani, oneminyaka engamashumi amane ananye (41) noZikiswa Sitho, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33).

INkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa, eGqeberha ilihlehlisile eli tyala emva kokuba umbuso nabakhuseli bengenise iintloko iingxoxo zabo.

Esi sigwebo siza kuphawula isiganeko esibalulekileyo kwityala elonakaliswe lulibaziseko malunga neminyaka esibhozo ukususela ukubanjwa kwesi sithathu. Kulandela isigqibo kwizicelo zangaphambili zalo mvangeli kumangenelo amahlanu akhethekileyo kuvavanyo-olugwenxa. Kuquka nesicelo esenziwe ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMqungu 2024, apho umkhuseli wenza isicelo sokuba ijaji iphinde iqwalasele isigwebo sakhe sangaphambili malunga nesicelo sokukhululwa ngokweCandelo le-174 loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho.

Ngaphambili uJaji u-Irma Schoeman wasikhaba isicelo sabo sokuba bakhululwe, kwaye umbuso ukulungele ukuqhubeka nenkqubo eseleyo kweli tyala, nto leyo ethetha ukuba abatyholwa mabaveze ityala labo ukuze baphandwe ngumbuso. Ukulibaziseka okukhulu kwetyala ukusukela ekubanjweni kommi wase-Nigeria, u-Omotoso, ngoTshazimpuzi ka-2017, kwabangela ukuba amanye amangqina angabi safuna ukuqhubeka nokunika ubungqina njengoko ayebonisa ukuba sele eqhubekile nobomi bawo kwaye abanamdla wokwabelana namava abo enkundleni. Lo nto ikhokelele ekwehlisweni kwezityholo ukusuka kumashumi amathandathu anesithathu (63).

U-Omotoso owalelwe ibheyile ngelixa abafazi ababini baseMzantsi Afrika abekwe ityala nabo bengaphandle ngebheyile, ngoku ujongene namatyala angamashumi amathathu anesibini (32), aquka urhwaphilizo, ukurhweba ngabantu, ukudlwengula, kunye nokuxhaphaza ngokwesondo. Kutyholwa ngelithi u-Omotoso, nobebizwa njenge “ndoda kaThixo”, yinkokeli yebandla i-Jesus Dominion International (JDI) kwaye abo atyholwa nabo babengabancedisi bakhe. I-JDI ibinamasebe amakhulu eMzantsi Afrika, eNigeria, nase-Israel, ikomkhulu leseThekwini apha eMzantsi Afrika.

Abamangali isenokuba ngamabandla, abasebenzi okanye abantu abakhethelwe ukuthatha inxaxheba kwimisebenzi yecawe xa begaywe ngesizathu sokuba baya kungenelwa ngokomoya okanye baphucule umgangatho wobomi babo.

U-Omotoso utyholwa ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, waasebenzisa abo atyholwa nabo, ukuhlawula kunye nokulungiselela ukuba abamangali baye kwi-Hotele yakhe, eThekwini, e-Israel, okanye e-Nigeria. Ukanti bakuba befikile abamangali, uOmotoso okanye abancedisi bakhe bebeza kubazisa ngemithetho yalehotele equka ukuba iiselfowuni zabo zicinywe okanye baxelelwe ukuba mabangadibani namahlakani angamadoda kwaye balandele imiyalelo yakhe.

Abamangali kunye namanye amalungu enkonzo yabasetyhini kutyholwa ukuba babegcinwe kwigumbi elinye apho nabo balala khona. U-Omotoso utyholwa ngokukhetha omnye wabamangali ukuba baye kwigumbi lakhe labucala apho abadlwengula okanye abaxhaphaze ngokwesondo khona.

Umbuso usazimisele ekuqinisekiseni ukuba eli tyala liyaqukunjelwa ngokukhawuleza ukuze kufezekiswe ubulungisa kumaxhoba, kwaye ukholelwa ekubeni nakweli tyala unike ubungqina obaneleyo ukuze abamangalelwa bafunyanwe benetyala.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA