Ityala likaMalema lokusebenzisa umpu eMdantsane liya qhuba eMonti.

Uzakuvela okwesibini namhlanje enkundleni yamatyala uMalema ngezityholo zokudubula ngompu esidlangalaleni.

Ityala lokusebenzisa umpu lenkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema, liyaqhuba ngoLwesine kwinkundla kamantyi waseMonti apho umtshutshisi wombuso kulindeleke ukuba ahlohle uMalema ngemibuzo.

UMalema uthathe eli nyathelo okokuqala izolo okoko ityala laqala kwiminyaka emihlanu edlulileyo ukunika ubungqina bakhe.

Uxelele inkundla ukuba umpu awawukhuphayo kumbhiyozo weminyaka emihlanu yombutho owawubanjelwe eSisa Dukashe Stadium ngo-2018 yayingumpu wokudlala. UMalema kunye nalowo atyholwa naye uAdriaan Snyman bajongene nezityholo zokukhupha umpu kunye nokubeka abantu esichengeni.

UMalema uthe nangona bebaninzi abantu abakhoyo kuqukwa nabezomthetho, urhulumente woyisakele ukuzisa nokuba mnye umntu oza kunika ubungqina ngalo mpu.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA