ITyala likaZuma loRhwaphilizo liza kuqhuba kwakhona ngeyoMnga kunyaka ka2025.

By Buhle Nomgalasa.

UZuma kunye neNkampani yaseFransi ethengisa izixhobo, iThales, batyholwa ngobuqhetseba, ubuqhophololo, kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni okuyanyaniswa nesivumelwano sokuthengwa kwezixhobo.

ITyala lobuqhophololo lowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma lizakuqalwa ngeyoMnga 2025. UZuma kunye neNkampani yaseFransi ethengisa izixhobo, iThales, batyholwa ngobuqhetseba, ubuqhophololo, kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni okuyanyaniswa nesivumelwano sokuthengwa kwezixhobo. NgoLwesibini, umhla wesithathu (03) kweyeSilimela 2025, iNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu isichithile isicelo sabo sokuba onke amatyala abatyholwa ngawo arhoxiswe.

Ijaji uNkosinathi Chilli ugwebe ngelithi lo mcimbi uzakuqhubeka ngeyoMnga.

“Lo mcimbi uhlehliselwe umhla wesine (04) kweyoMnga kulo nyaka ka2025. Inkundla iza kubekela bucala imihla emibini umhla wesine (4) nowesihlanu (5) kweyoMnga. Umnumzana Zuma noThales akunyanzelekanga ukuba bavele enkundleni ngolo suku.”

Ngaxeshanye, uZuma uthabathe idabi lakhe lokuba umtshutshisi woMbuso u-Advocate Billy Downer asuswe kwityala asiwe kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno. Ngenyanga kaTshazimpuzi, uJustice Chilli wasikhaba isicelo sikaZuma sokurhoxa kuka-Downer.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA