By Nyameka Lamani
Umphandi nolitshantliziyo elilwela ubugebenga KwaZulu-Natal,unjingalwazi Mary de Haas uzakuphekwa ngemibuzo ePalamente malunga nendima yakhe yokuyalela ukuchithwa kweqela eliphanda ngokubulawa kwezopolitiko namhlanje umhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeNkanga ka 2025.
UDe Haas uzakuthatha inyathelo lokungqina phambi kwekomiti yethutyana ephanda izityholo zobuqhophololo kunye nokungenelela kwamapolisa emva kokuba ekhankanywe ngamangqina amaninzi aquka umkomishinala wephondo laseKZN uNhlanhla Mkhwanazi.
Uphando lwekomiti yethutyana luyaqhubeka emva kokuba lugqibe phambi kwexesha lokumamela kwayo uCedric Nkabinde, kwiveki ephelileyo emva kokuba enike ubungqina obuphikisanayo.
USenzo Mchunu Uxelele ikomiti ukuba uDe Haas ubhalele kakhulu isebe ukuba abelane ngegalelo lakhe kwaye wacela ukuba lichithwe eligqiza kunye nophicotho lwenkxaso-mali yayo.UMkhwanazi ngethuba enikela ubungqina, ubongoze ikomiti ukuba imeme ude Haas aze kunika ubungqina.
Ubungqina bukaDe Haas buya kulandelwa ngusekela-mkomishinala kazwelonke uTebello Mosikili kunye nentloko yokuthengwa kwempahla uGeneral Molefe Fani ngoLwesithathu nangoLwesine ngokulandelelanayo.

