Iyikhusele intshinga yayo yombhoxo kwiCurry Cup iBoland.

Idlale yazijula ijacu I-Easten Province ngethuba idlala neBoland kumagqibela kankqoyi weCurry Cup.

Iyikhusele kwakuko intshinga yayo iBoland Cavaliers kumbhoxo kwisigaba sokuqala ngethuba bequbisena neEastern Province kumagqibela kankqoyi kwiNdebe yeCurry.

Lomdlalo uye kwixesha elongeziweyo nalapho ibiyinkwa nenkwa nangona lamaqela eye antanganye kodwa kuye kwagqitywa kwelokuba iBoland iphumelele abe amanani ebhodini esithi ngamashumi amabini anesixhenxe (27-27) macala omabini (2). Indebe iye yanikwa iCavaliers kuba ifake iitrayi eziliqela kuneEP kumagqibela kankqoyi.

Umdlalo uphele ingamashumi amabini macala (20-20) xa kuphela amashumi asibhozo (80) emizuzu. Kuye kongezwa imizuzu engamashumi amabini (20). Ngenxa yokuba iBoland ilale emgceni kahlanu (5) yona iEP ilale emgceni kane (4).

Lo onto iye yathetha ukuba iBoland ihlale izinjinga kunjalo nje ingekabethwa.

Inokufumana ukunconywa iEP ngendlela edlale ngayo nokunganikezeli. Ibe ngabadlali bangasemva beBoland abadlale ngcono nangona besinde ngokulambisa kulomdlalo obunzima kakhulu.

Ibala lasePaarl belimanzi kukho nomoya nolwaxinizelelo lokudlala kumagqibela kankqoyi. I-Eastern Province ibikhe yanqenqeza phambili ngamanqaku alishumi elinesixhenxe kwishumi elinesihlanu (17-15).

Ibilusuku olukhethekileyo kumqeqeshi weBoland uHawies Fourie kuba uye wayiphumelela kunyaka ophelileyo iCurry Cup yePremier division ngethuba eqeqesha iiCheetas.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA