Le mpela-veki sisuka kuyo imnke nemiphefumlo elishumi kwiingozi ezine ezahlukeneyo eMpuma Koloni ukuqala ngoLwesihlanu. Ingozi yokuqala kwezi ibibikwe kuhola wendlela uN6 phakathi kweCathcart neKomani apho abantu ababini bebhubhe kwingozi ebibandakanya iveni kunye nelori.
Ngosuku lwangeCawa imeko yezulu ibonakalise ukuba lolona suku belulubi kakhulu njengoko iimvula bezithe gqolo ukunetha, ebezineemeko ezimasikizi nezimtyibilizi kunye nokungabonakali kakuhle kwezinye iindawo kwenze umonakalo ezindleleni.
Iingozi ezimbini (2) ezahlukeneyo zithathe imiphefumlo emithandathu (6). Eyokuqala yenzeke kuhola wendlela uN2 phakathi kwaKwaBhaca noQumbu, enye ingozi esube imiphemfumlo emithathu ibibandakanya iveni kunye neVW Polo. Ethubeni kwabhubha abantu abathathu kuquka nomntu ohamba ngeenyawo kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uR61 phakathi koMthatha neLibode.
Yona imoto yohlobo lwe-VW Polo igile yaze yabulala umntu obehamba ngeenyawo kunye nezithuthi ezimbini (2) ngaphezulu, iNissan Micra kunye neveni ye-Isuzu, umqhubi wePolo kunye nomhambi ngenyawo babhubhele kwindawo yexhwayelo.
Ingozi yokugqibela isube imiphefumlo emibini (2) kuhola wendlela uR67 phakathi kweBhofolo kunye neSeymour ngentseni yanamhlanje malunga nentsimbi yokuqala (01:00 am) kusasa.
Imoto yohlobo lweVW Polo ingqubene neFord Escort, abantu ababini babhubhele kwindawo yexhwayelo logama abonzakeleyo babalekiselwe kwisibhedlele saseBhofolo..
Ityala lokubulala ngoku ngenanjongo livuliwe kwingozi nganye kwezi.
Abaqhubi beenqwelo-mafutha bayabongozwa ukuba bahlale bephephile njengoko imvula engagungqiyo isaqhubeka ukugalela kwiindawo ezininzi zeli phondo.

