Izantyalantyala zemvula eNelson Mandela Bay, eMpuma Koloni, zishiye abantu abangaphezulu kwewaka kwiiwadi ezisixhenxe bengenamakhaya.

Bangaphaya kwewaka abantu abachaphazeleke zizantyalantyala zemvula eNelson Mandela Bay, eMpuma Koloni, kwiiwadi ezisixhenxe.

Basixhenxe ubuncinane abantu ababhubhe kwiimpuphuma kule mpelaveki. Abahlali abagxothiweyo baye basabela kwiiholo zoluntu kulomasipala.

Isithethi sikamasipala ombaxa uSithembiso Soyaya uthi iqela lakhe elijongene neentlekele lisahleli emxholweni. “I-SANDF ikhuphe inqwelo-ntaka ukunceda ukuhlola nokufikelela kwiindawo ekungenofikelelwa kuzo. I-Gift of the Givers and Rescue South Africa nayo ingenile ukuxhasa imisebenzi yokufuna nokuhlangula. Iziko loVavanyo lweLayisensi yokuQhuba eKariega (i-DLTC) liza kuvalwa ngoMvulo, umhla wesithathu (03) kuJuni, nangoLwesibini, umhla wesine (04) kuJuni 2024 ngenxa yezikhukula nomonakalo weziseko ezingundoqo.”

Kusenjalo, umasipala ombaxa waseMangaung eBloemfontein ubongoza abahlali ukuba balumke ezindleleni nasemakhayeni abo njengoko imozulu embi ichaphazela umbindi welizwe. Inkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika ikhuphe isilumkiso malunga neendudumo ezinamandla eMangaung namhlanje, nemozulu efanayo ilindeleke kwiindawo ezikwintshona yeFreystata.

INkonzo yeMozulu ilumkisa ngeemeko ezinokukhokelela kwizikhukula zasekuhlaleni.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
35 %
6.3kmh
39 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA