IZikrelemnqa zijolise kwimibutho engenzi nzuzo, ziqweqwedisa izithuthi zazo ezinezinto ezibalulekileyo.

By Asipile Kitchen.

IMibutho eNgenzi Nzuzo (NGOs) esebenzela uluntu lwaseMpuma Kapa ifuna ungenelelo olukhawulezileyo lwamapolisa emva kokuqweqwediswa kwabasebenzi abasebenza emaphandleni kule nyanga.

Abasebenzi base-One to One Africa babanjwa bekhonjwe ngemipu baze bagrogriswa eNgqeleni ngaphambi kokuba balahlwe ehlathini.

INtloko yesiGqeba seOne to One Africa uGqibelo Dandala uthe, ngaphandle kobungqina obucacileyo bokuba kujoliswe kuzo ii-NGOs, abezomthetho babonise ukungxamiseka okuncinci okanye umdla wokujongana “nobunzima obukhulayo”.

“I-One to One Africa ibongoza iinkokeli zelizwe kunye nezasekhaya ukuba zingenelele, ziqinisekise ukuba amapolisa aphanda ngenkuthalo ezi zenzo zolwaphulo-mthetho, achitha amaqumrhu, kwaye akhusele imibutho yoluntu.”

“Ngoku kunanini na, kufuneka sisebenzisane ukuze sithumele umyalezo oqatha kwabo bafuna ukutshabalalisa umsebenzi owenziwayo. Akufane kwenzeke ukuba abenzi bobubi baphume kwezi ndawo, yaye abawuqondi ngokupheleleyo umonakalo abawenzayo. Baphanga amabhinqa nabantwana abamsulwa iinkonzo ezibalulekileyo.

“Sidinga inyathelo elingxamisekileyo ukunqanda oku phambi kokuba ubomi obuninzi bube semngciphekweni, umsebenzi wethu ubalulekile kolu luntu, kwaye asiyi kuvalwa umlomo luloyiko, sifuna iimpendulo, sifuna intshukumo, sifuna ukhuseleko,” utshilo.

UDandala uthe ezinye ii-NGO ezintathu ezisebenza kulo mmandla ziye zafumana ilahleko efanayo, eshiya abasebenzi basekuhlaleni besoyika kwaye benyanzela imibutho ukuba iphambukise inkxaso-mali yabaxhasi kwiinkonzo zokhuseleko ezixabisa kakhulu.

“Kwiminyaka, i-One to One Afrika ibonelele ngononophelo lwezempilo olubalulekileyo kunye nenkxaso kuluntu olusengozini ngokusebenzisa iNkqubo ye-Mentor Mothers kunye neenkonzo ze-Mobile Clinic, ukuqinisekisa ukuba unyango olusiseko lwamahala lufikelela kwabo bangakwazi ukufikelela kwiikliniki zendawo.

Kwiidolophana ezisemaphandleni apho intlupheko kunye nokwahlukaniswa kudala imingcipheko yezempilo, izithuthi ze-4×4 zombutho ziye zaba yindlela yokuphila edibanisa umsantsa phakathi kwemfuno enzima kunye neenkonzo ezibalulekileyo.

“Nangona kunjalo, ezi nkqubo zokusindisa ubomi ziphantsi kohlaselo. Amaqela olwaphulo-mthetho ajolise kwimibutho engenzi nzuzo, eqweqwedisa izithuthi zawo ezinezinto ezibalulekileyo,” utshilo uDandala.

Isithuthi esibiweyo kunye nezinto eziyimfuneko azikafunyanwa.

“Ukusebenza eluntwini kunqunyanyisiwe okwethutyana ukunika abasebenzi ithuba lokuchacha kumothuko kwaye benze isigqibo ngeyona ndlela yokunciphisa umngcipheko,” utshilo uDandala.

UShamla Naidoo, obenikezela ngeetawuli zoosisi kwiindawo ezimbini zaseMpuma Kapa ngenkxaso yeCawa yakhe ezinze KwaZulu-Natal, uthe uyekile ukusebenza kweli phondo ngenyanga yeNkanga.

“Iizithuthi ezimbini zaxhwilwa kunyaka ophelileyo kwaye amavolontiya ethu abanjwa ekhonjwe ngeemela aphinde aphangwa nempahla yawo izihlandlo eziliqela, okulusizi kukuba, asikwazi ukunceda uluntu olufuna ngamandla iitawuli zoosisi kuba asinakubeka ubomi bethu emngciphekweni,” utshilo.

Isithethi samapolisa eMpuma Kapa uKapteni Welile Matyolo ungqinile ukuba ityala lokuxhwilwa kwezithuthi likwisikhululo samapolisa eNgqeleni ngomhla ukuqala kumhla wesixhenxe (7) kuCanzibe 2025.

Xa ebuzwa ukuba amapolisa awaqinise na amanyathelo okujikeleza kunye nobuntlola ngenxa yemibutho engekho phantsi kolawulo uMatyolo uthe, “Ukujikeleza yimisebenzi yethu yemihla ngemihla kwaye ukuvalwa kwendlela kuqhutywa ngoncedo lwamagosa ezendlela ukuqinisekisa ukhuseleko lomntu wonke.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA