Ngolwesihlanu umhla weshumi elinesibini kulenyanga imiyo, iMamelodi Sundowns ibeliqela lokuqala ukuzibekela indawo kumaqela amane emva kokuzibethela AmaTuks ngamanqaku amane kwamathathu (4-3) ngethuba lokukhatywa kweepenalti kuba lamaqela adlale ebaleni ade ongezelelwa nexesha kodwa nalapho akwabikho qela livumayo ukuligoba uphondo, adlala ngokulingana ngelinye inqaku (1-1) macala.
Kanti ngomgqibelo ibingumgalelo wamanqaku ngethuba Stellenbosch FC inqunqele egoqweni iSupersport United ngamanqaku amane (4-0) kwimbande yesikhova.
Kwangomgqibelo njalo umhla weshumi elinesithathu kuTshazimpunzi, iOrlando Pirates ibhaxabule Amazulu eMnambithi ngamanqaku amane kwamabini (4-2), ukhumbule ukuba ibhakabhaka belisanda kungcwaba kwileague abafana besithende ngamanqaku asixhenxe kwelinye (7-1).
Ngecawa umhla weshumi elinesine kulenyanga imiyo iChipa United izibethele iTS Galaxy kowayo ngamabini eqandeni (2-0), nayo iChipa ithathe apho ibiyeke khona kuba kaloku ibigqiba ukubetha amakhosi eMonti kumdlalo weleague kwangoluhlobo.
Emva kwalomdlalo wangecawa kuye kwathelekiswa lamaqela mane okugqibela athe aphumelela, iSundowns, iPirates, iiStellenbosch neChipa. IChipa United izakwamkela iOrlando Pirates, ze iStellenbosch FC iqubisane neMamelodi Sundowns kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.
Kuye kwabhengezwa ukuba amagqibela kankqoyi walendebe yeNedbank azakudlalelwa eMnambithi ukutsho oko eDurban kumabala iMoses Mabhida ngomhla wokuqala kweyesilimela kulonyaka.
Kukho nethemba lokuba iSundowns nePirates njengokuba zikwazile ukuphephana kumandulela kankqoyi zingadibana kumagqibela kankqoyi nangona iChipa neStellenbosch zingezodyalafesi inyama yedada nazo kwelabo icala.
Namhlanje kumdlalo weDSTV Premiership iSwallows izakube ihlinzeka iSundowns kumdlalo weleague ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe (19:30).

