Izithuthuthu zingazezinye zezisombululo zokudala amathuba emisebenzi

Iphondo leMpuma Koloni lelinye lamaphondo abonakalisa ukuthwaxwa yintswela-ngqesho. Nangona kunjalo iNkulumbuso yephondo uOscar Lubabalo Mabuyane ukholelwa ukuba izithuthuthu zezinye zezixhobo ezizozisa isisombululo soko kweliphondo.

Ethetha kwindlu yoWiso-Mthetho yephondo leMpuma Koloni eBisho, uMabuyane uthe eliphondo alinako ukugqiba nya lomceli-mngeni ngosuku, kodwa esithi uyakholelwa ukuba ukuthatha amanyathelo kungawenza umohluko.

uMabuyane uthe abantu abaninzi kule mihla bathenga izinto abazidingayo besebenzisa ubuxhaka-xhaka balemihla, besebenzisa izithuthuthu eziphanti kweenkampani ezifana noSixty60, UberEATS, TakeAlot nezinye. Uthi ke Eli ingalikroba elinokudala amathub’engqesho kulutsha olusokola ukufumana imisebenzi. Ukwathe urhulumente wephondo uceba ukusebenzisana neenkampani zamaqonga onxibelelwano kunye noomasipala ukuqeqesha abantu ubatsha ukuze bazuze isakhono zokuthutha izinto ngezithuthuthu.

Intetha yeNkulumbuso iza emva nje emva kokuba isebe labasebenzi lidize ukuba kweliphondo ngabantu abangamashumi amabini amawaka (32 000) abathe baphulukana nemisebenzi yabo kwikota yesine kunyaka ka2025. INkumbuso ithe zisekhona iimpawu zethemba ngakwicala loshishino, esithi urhulumente ngoku uzokugxila kabanzi ukuphucula izakhono zoshishino, ukusetyenziswa kwe-digital kunye nenkcubeko nobugcisa.

INkulumbuso yephondo ithe icandelo lokuqashwa kwabantu (Employment Program) lidale amathub’engqesho angaphaya kwamakhulu anesithathu amawaka (103 000), agxile ngokumandla kubantu basetyhini kunye nabantu abatsha. Ukwathe ngabantu abalishumi elinesine lamawaka namakhulu amathandathu anamashumi asithoba nesithandathu (14 696) abantu asele bexhamla kwelicandelo kwaye basajonge ukongeza abanye abantu abathe kratya kumawaka asibhozo (8 300)

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA