Urhulumente wenze izityhilelo ezothusayo kwimfuno yayo ngakwiYunivesithi yaseFort Hare (Uf), kwiNtloko yoPhando kunye nokuThengisa, Isaac Plaaties zokumgcina entolongweni.
U-Plaajties ufake isicelo sebheyile kwiNkundla kamantyi eDimbazana eMpuma Koloni. Ujongene nezityholo ezimbini zokubulawa kwabantu abaphantsi kwabasebenzi baseFort Hare.
Ukuchasana nesicelo, umtshutshisi wombuso uAdvocate Nceba Ntelwa uxelele iNkundla ukuba iselfowuni yomfaki-sicelo isetyenziselwa ukuthumela iifoto zabantu abakuluhlu lwase-Fort Hare.
Iingxelo zidiza ukuba Uluhlu lubandakanya iifoto kunye nexabiso lokubulala.
Kukwatyholwa ukuba Plaatjies unencoko yomnxeba nomnye wabathyolwa ngokubulala ngaphambi nasemva kokubulawa kuka Mboneli Vesele owayengunogada ka Sekela Ngqonyela kule Dyunivesithi.
Ukanti u Advocate Ntelwa ubanga ngelithi abantu abakuluhlu lokubulawa angeke baphephe nje ukuba uPlaatjies angakhululwa ngebheyile