Adlane iintsimbi amaqela ebhola ekhatywayo angahlawukwayo eZwide.
IZwide Football Association nayo ibihlinzeka imidlalo yeligi kwimpelaveki esiphuma kuyo nebidlalelwa kumabala eCeltics ngomgqibelo umhla wesibhozo (08) nangeCawa umhla wethoba (09) kwyeSilimela 2024.
IReal Crusaders ibambene neSophakama FC ngelinye macala (1-1) aze Amadamara FC abhaxabula iMorning Stars FC ngamanqaku amathandathu kwelinye (6-1).
Umanyano Stars FC ibambene ngelinye macala neGal City (1-1) kwelinye icala IYoung Brothers FC yanqunqa iEverton FC ngamane amanqaku kwinqaku elinye (4-1).
IAlaska FC ibethwe yiMajor Chiefs FC ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1).
NgeCawa kwakumabala eCeltics iStrikers United ibethe iShining Stars ngelinye eqandeni yaze iKuyasa United Brothers yadlala ngokulingana neMwalimi All Stars ngamanqaku amabini (2-2) macala.
IZwide Pirates ibethe iDuka Cosmos ngamanqaku amane kwamathathu (4-3).
By Siphiwo Boqwana

