Konzakele abafundi baseGqeberha emva kokubhukuqa kwesithuthi sabo.

Amapolisa aseGqeberha athi azakuphanda ityala lokuqhuba ngokungakhathali kwendoda ebhukuqe isithuthi sayo ngethuba ithutha abafundi bezikolo ezahlukeneyo eGqeberha ngenjikalanga yangoLwesine, umhla wamashumi amathathu (30) kuCanzibe 2024.

Le ngozi yenzeke phambi kwentsimbi yesibini emva kwemini kwisitalato iTait, eNewton Park emveni kokuba abafundi bebesele beqokelelwe kwizikolo zabo ezikwingingqi yaseSchauderville naseKorsten. Abafundi kuthiwa baphuma kwizikolo zamabanga aphantsi iDiedrich, Frank Joubert, kunye ne-Abraham Levy. Abahlali abahlala kufutshane nendawo yengozi bathi abanye babafundi bakhutshiwe kwilori encinci ngethuba isenzeka le ngozi nanjengoko ibihamba ngesantya esiphezulu.

Abahlali baye bancedisa abafundi ngelixa abasebenzi beenkonzo zonyango bekhawuleze ukuya kwindawo yexhwayelo. Iingxelo zokuqala zibonakalisa ukuba bebemalunga namashumi amabini (20) abantwana ebebekwisithuthi ngethuba ibhukuqa. Bonke abantwana baye banyangwa ngenxa womonzakalo omncinci obandakanya ukusikeka nokugruzuka.

Ngethuba ii-Ambulensi ziphuma kwindawo yexhwayelo ukuba zithuthe abonzakeleyo kwizibhedlele ezohlukeneyo, bekungekabikho mntu ubhubhileyo. Umqhubi, owonzakele emilenzeni kule ngozi, utyholwa ukuba uye waphulukana nolawulo ngexa egila inqwelo-mafutha ibisiza phambi kwakhe, nto leyo ebangele ukuba inqwelo-mafutha yakhe ibhukuqe.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA