Ibambela likaMkomishinala weSithili saseO.R Tambo uBrigadier Ntandane uliqwhabele izandla iqela leTask Team leSithili saseO.R Tambo ekubambeni isine sabantu esiphange imoto yokuhambisa impahla phakathi kwendlela yaseMthatha naseBaziya kulempela-veki.
“Siza kuqhubeka nokusebenza ngokungadinwayo njengamagosa asebupoliseni ekuqinisekiseni ukuba abantu beli lizwe kunye neepropati zabo bakhuselekile, sibeka ngasemva bonke abo bajongela phantsi ilungelo labo elikumgaqo-siseko”, uvale ngalo mazwi uBrigadiya Vukile Ntandane.
Ngoncedo lwenkampani yomkhondo, amalungu e-DTT adlulele kwingingqi yaseGotyubeni apho abambe khona abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibhozo ukuya kumashumi amathathu (28-30) kwaye komnye wabarhanelwa kwafunyanwa umpu (PX4 pistol) kunye neembumbulu. Zonke iimpahla ezinexabiso eliqikelelwa kwisigidi seerandi (R100 000,00) zafunyanwa ngamapolisa kwaye zachongwa ngokuqinisekileyo. Iimoto ezimbini ezisetyenziswe kuphango zifunyenwe kwingingqi yaseGotyubeni zathinjwa.
By Ongeziwe Ntondini

