By Asipile Kitchen.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana ukwamkele ukubanjwa kwabarhanelwa abathathu abangamadoda abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesibini (22) kunye namashumi amabini anesithandathu (26) ubudala kwindawo yaseJulukuqu, eMqhekezweni A/A eMthatha.
La madoda abenjwe ngenjikalanga yangoMvulo, umhla wesixhenxe (07) kweyeKhala ngamalungu eQela lokuPhendula ngoBuchule (Tactical Rsponse Team) elizinze kwiSithili sase-OR Tambo kunye namalungu alo e-Recce kwaye babekwe izityholo zokuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu.
Iqela leTRT lifumene abarhanelwa abangamadoda amathathu ngelixa besemotweni (GD6 Double Cab) kwaye ekubagqogqeni kwabo, kwafunyanwa umpu weDashprod onemagazini enye enemijikelo elishumi (10), i9mm pistol enemijikelo elishumi elinesihlanu (15) imagazini kunye neNorinco Star enemijikelo emine egcwele imagazini. Esi sithathu siye sabanjwa ngoko nangoko baze bamangalelwa ngokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Bobathathu bazovela phambi kweNkundla yeNgingqi yaseBityi kungekudala ngelixa imipu izosiwa kuvavanyo ukujonga ukuba khange isetyenziswe na kulwaphulo-mthetho.
“Ukubuyiswa kwale mipu ingenampepha-mvume liqela elizinikeleyo leTactical kusindise ubomi babantu abamsulwa kwindawo yaseBityi.,” utshilo uGeneral Modishana ngelixa eqhwabela izandla amalungu wakhe ngomsebenzi owenziwe kakuhle.

