17.8 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

Kubanjwe abemi bangaphandle neziyobisi ezixabisa ngaphezulu kwezigidi ezintathu (3 Million).

Amagosa asebupoliseni angamalungu eCandelo loLwaphulo-mthetho oluQuquzelelweyo kwiPhondo laKwaZulu-Natal abambe abantu bangaphandle ababini abangenazimpepha-mvume zokubakweli loMzantsi Afrika ngokufunyanwa kunye nokuthengisa iziyobisi kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha 2024.

Amapolisa ebeqhuba umsebenzi wawo ngethuba eqokelela ubuntlola malunga nendoda ethengisa iziyobisi aze amkhangela ngoko nangoko. Umrhanelwa ubhaqwe eMbilo ze emva kokugqogqa isithuthi sakhe, amapolisa afumana iipilisi ze-Heroin ezingamakhulu alithoba (900).

Uphando olulandeleyo lukhokelele amapolisa kwindlu yomrhanelwa eSphiwe Zuma Avenue eMbilo apho kufunyenwe iipilisi zeheroin kunye nomgubo ngaphezulu. Iziyobisi ezifunyenweyo ziqikelelwa ukuba zixabisa i-R2 yezigidi. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala ubanjwe ngokusemthethweni waze wabekwa ityala lokufunyanwa kunye nokuthengisa iziyobisi kwakunye nokuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni.

Kwelinye icala lokubanjwa kweziyobisi, kubanjwe ummi wasemzini ongekho mthethweni oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala emva kokuba efunyenwe enomgubo weheroin eBerea. Umrhanelwa wabekwa esweni kulandela ukurhanelwa ukuba uyabandakanyeka kwizinto ezinxulumene neziyobisi. Uphando olongezelelekileyo lolatha kwigumbi lakhe elikwindlela i-Riley e-Essenwood apho kuqhutywe khona ugqogqo, olukhokelele ekufumaneni umgubo we-heroin oxabisa malunga nesigidi esi-R1 ngokwase sitratweni.

Bobabini abarhanelwa bazakuvela kwiNkundla kaMantyi yaseThekwini namhlanje, ngoLwesithathu, umhla wama-28 kuAgasti 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
40 %
2.3kmh
61 %
Fri
17 °
Sat
17 °
Sun
17 °
Mon
14 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks