By Anita Qubula
UMongameli Cyril Ramaphosa ucele ingxelo ecwangcisiweyo kunye nengcaciso kuMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko uThembi Simelane emva kwezityholo zorhwaphilizo abekwa zona.
Kwingxelo yakhe, uMongameli uthi uziqaphele ezi ngxelo ngenkxalabo.
Iingxelo ezahlukeneyo zamajelo eendaba kwimpelaveki zinxulumanise uSimelane nemali ekutyholwa ukuba yafunyanwa ngendlela engafanelekanga kwibhanki yeVBS Mutual. Oku kwenzeka ngexesha lakhe njengoSodolophu kuMasipala wasePolokwane.
Kutyholwa ukuba ngelaa xesha uSimelane wayenguSodolophu, umasipala watyala imali engangamakhulu amathathu anamashumi amane anesithoba yezigidi (R349 million) zeerandi eVBS ngokungekho mthethweni.
Ngeli xesha, uMasipala wasePolokwane uye wazikhwebula kwizityholo ezichasene noSimelane.
Isithethi salo masipala uThipa Selala uvumile ukuba umasipala watyala imali kwiVBS Mutual Bank kodwa waphinda wayirhoxisa.
“Mandiqinisekise ukuba ngenene umasipala watyala imali eVBS kodwa warhoxa emva kokuba ebonile ukuba awuhambisani nomthetho wolawulo lwemali kamasipala.”