Abantu ababini ababanjwe eNxuba (eCradock) ngezityholo ezinxulumene neziyobisi bavele okokuqala enkundleni ngoLwesihlanu.
ULeon Fortuin oneminyaka engamashumi amane anesine (44) ubudala kunye noDesiree Hare oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala babanjwe ngoLwesine emva kophando olude malunga “nenethiwekhi yokusasazwa kweziyobisi” edolophini.
IiHawks ziqalise uphando ngo-Agasti wonyaka ophelileyo emva kwezikhalazo eziphindaphindiweyo ezivela kuluntu.
Ngokwesithethi seeHawks uLieutenant-Colonel Avele Fumba, bobabini abarhanelwa basagcinwe entolongweni belinde isicelo sebheyile.
Kwingxelo yangaphambili, uFumba uqaphele ukuba ngexesha lomsebenzi wamacandelo amaninzi ngoLwesine, amapolisa abambe iipilisi ezingamakhulu amabini anamye (201) zeMandrax ezirhanelwayo, iigram ezingamakhulu amane (400) ze-crystal meth, izikali ezimbini zedijithali, iimbumbulu ezingamashumi amathathu anesithathu (33), iifowuni ezisithoba, kunye nemali engachazwanga.
“Zonke izinto ezibanjiweyo ziya kuhlala ziyinxalenye yophando oluqhubekayo,” wongeze watsho.
UFortuin noHare bacwangciselwe ukubuyela enkundleni ngomhla wesihlanu (5) kwinyanga yoKwindla

