Kubanjwe indoda (45) ubudala, ngezityholo zokukhomba umfazi wakhe ngompu.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe kwindawo yaseMhlotsheni, kwaMajola A/A ePort St John’s ngokukhomba unkosikazi wakhe ngompu, we-9mm ngelixa bexabana.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe kwindawo yaseMhlotsheni, kwaMajola A/A ePort St John’s ngeCawe, umhla we-28 yenyanga yeKhala 2024, ngentsimbi yokuqala (13H00) ngokukhomba unkosikazi wakhe ngompu, we-9mm ngelixa bexabana.

Njengoko amapolisa ebambe umrhanelwa, emva kokudizwa kuwo ukuba umrhanelwa unomnye umpu, ongumbayimbayi, awunike isalamane esineminyaka elishumi elinesixhenxe (17) kwalapha kule ndawo. Amapolisa aqhubele phambili ukuya kwikhaya elichongiweyo afumana umpu, ze abamba umfana oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala kwaye wakhululwa phantsi kokhathalelo lwabazali ngenxa yokuba enompu ongenaphepha-mvume.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala uvalelwe kwisikhululo samapolisa ePort St John, etyholwa ngokukhomba ngompu kunye namanye amatyala ekusenokwenzeka ukuba ongeziwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA