By Nyameka Lamani.
INkosikazi eneminyaka engamashumi amabini ananye (21) ubudala ibanjiwe malunga nokuxhatshazwa konyana wayo oneminyaka emithathu (3) ubudala, eMpuma Koloni.
Le nkosikazi ibotshwe ngamakhamandela licandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukuKhuselwa kwaBantwana kunye namaTyala ngokweSondo (FCS) kwiNgingqi yaseNtlekiseni, ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha 2025, eMthatha.
Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi lo wasetyhini ujongene netyala lokuxhaphaza ngokwesondo.
“Esi siganeko kuthiwa senzeke kwikhaya labo phakathi komhla wesihlanu (05) kunye nowesixhenxe (07) kweyeThupha 2025.
“Ixhoba elincinci liye laxilongwa ngonyango kwaye lasiwa kwindawo yokhuseleko. Kuphawulwa ukuba umntu obanjiweyo utyholwa ukuba unesifo sengqondo, oku kuya kuba yinxalenye yophando oluqhubekayo kunye neenkqubo zenkundla,” kusho uGantana.
UGantana uthe umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha namhlanje, ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha 2025.
“AbakwaSaps bazibophelele ekukhuseleni abona bantu basesichengeni kuluntu lwethu kwaye baqinisekise ukuba izityholo ezinobuzaza ziphandwa ngokucokisekileyo ngokomthetho.”

