Kubanjwe abarhanelwa abahlanu abanxulunyaniswa nokubulawa kabuhlungu kukaDeon Du Toit (60), kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla kaMantyi eHumansdorp namhlanje, umhla wesibini-(2 February) kweyoMdumba.
La madoda, aphakathi kweminyaka engama-22 nama-37 ubudala, abanjwe ngempelaveki. Amapolisa athi afunyenwe enezinto ekurhanelwa ukuba zabiwa ngexesha lohlaselo.
Bajongene namatyala okubulala, ukuphanga, kunye nokufunyanwa nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.
Umzimba kaDu Toit wafunyanwa ngentseni yangoLwesibini weveki edlulileyo, umhla we-27 kweyoMqungu 2026, kwifama ekufuphi nendlela iR102 ngaphandle kweHumansdorp. Amapolisa awakakhuphi iinkcukacha ezithe vetshe malunga neemeko zokubulawa kwakhe njengoko uphando lusaqhuba.

