12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Kubanjwe umrhanelwa ohlabe wabulala abasetyhini abathathu, konzakala indoda.

By Asipile Kitchen.

Umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala uhlabe ngenkohlakalo wabulala abasetyhini abathathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) ukuyotsho kwiminyaka engamashumi alithoba anesixhenxe (97) ubudala ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeSillimela 2025.

Oku kwenzeke malunga nentsimbi yesithandathu kusasa (06h00) eNqayimbana, kwiNdawo yoLawulo iSiphaqeni. Ixhoba elinye eliyindoda lisindile kwaye libalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane lizofumana unyango.

Lo mrhanelwa uhlabe udadewabo oneminyaka engamashumi amabini (20) nomama wakhe oneminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala kwaye bobabini basweleka kumonzakalo wabo. Emva koko waya kumzi okufitshane apho wahlaba wabulala owayesetyhini oneminyaka engamashumi alithoba anesixhenxe (97) ubudala okukholelwa/ekutyholwa ukuba ungumama kamama weqabane lakhe. Ukwahlabe ixhoba elineminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala ekukholelwa ukuba uliqabane likamama womrhanelwa.

Iqabane elo kuthwa lasinda. Ukwimeko emaxongo esibhedlele.

Amapolisa aseFlagstaff ambamba umrhanelwa kwaye asifumana isixhobo sokubulala ngelixa ebesekulondawo ngoncedo lwabahlali kwaye uzakuvela phambi kwenkundla kaMantyi yaseFlagstaff kungekudala. Injongo yokubulala ayaziwa kwaye iyinxalenye yophando oluqhubekayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks