20.6 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Kubhubhe isibini samabhinqa eMthatha bedutyulwa ngamadoda angaziwayo.

Amapolisa eMpuma Kapa azingela abarhanelwa abayanyaniswa nokubulawa kwabasetyhini ababini eMthatha.

Esi sibini singamabhinqa esikwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) namashumi amahlanu anesithathu (53), bafunyenwe bebhubhile kwindawo yaseNtokozweni ngokuhlwa kwangeCawa emveni kwentsimbi yethoba (21:00).

Isithethi samaPolisa eMpuma Kapa uKapteni Welile Matyolo uthe ngokwengxelo abanayo, amadoda amabini angaziwayo atyholwa ukuba ankqokqoze kumnyango wendlu yalamabhinqa, angena ngaphakathi ze aqalisa ukudubula kulamabhinqa.

“Omabini la mabhinqa abhubhele kwindawo yexhwayelo. Unobangela wokubulawa kwawo awkaziwa okwalo mzuzu, kwaye oku kuyinxalenye yophando.”

Amapolisa aseMthatha abongoza nabani na onolwazi malunga nokubhubha kwlamabhinqa ukuba aze ngamaphambili okanye anxulumane Lieutanant Colonel Ndzamela onguMcuphi ku 082 442 0743 okanye 086 0010111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
62 %
6.4kmh
100 %
Wed
19 °
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
34 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks