Iqela leEconomic Freedom Fighters (EFF) eLimpopo lizakuqhankqalaza namhlanje lisiya kwiOfisi yeNkulumbuso uGqirha Phophi Ramathuba, lifuna inyathelo elikhawulezileyo malunga nengxaki yokunqongophala kwamanzi ePolokwane.
I-EFF ikwaceba ukuphakamisa imiba
emalunga neendleko eziphezulu zombane kunye nezinga eliphezulu lentswela-ngqesho kwiphondo. Usihlalo weEFF eLimpopo, uLawrence Mapoulo, uyigxekile le meko esithi, uwile umasipala wasePolokwane, ngokwamanzi, yintlekele le. Njengoko kungoku, akukho manzi. Izindlu zangasese azisebenzi kwaye xa behambisa amanzi ngeetanki zabo, ngokwenene abantu bazakufa, kuba uhlobo lwamanzi ahanjiswa ngumasipala kubantu angcolile.

