Kudutyulwe kwabulawa umrhwnelwa ngexesha lomsebenzi wamapolisa obusenzeka kuR61 phakathi kweCicira neSikhululo seenqwelo-moya saseMthatha ngoLwesine emva kwemini.
Amapolisa athi amalungu eTactical Response Team afumene ulwazi oluthembekileyo bucala malunga nemoto ebandakanyeka ekubeni nemipu engekho semthethweni, malunga no-12:45.
Ekulandeleni lomkhondo, ingxelo zithi, omnye wabakhweli uphume emotweni wadubula amapolisa, nto leyo eye yabangela ukuba nawo abuyisele ngomlilo ukuzikhusela, ze kwadutyulwa kwabulawa umrhanelwa omnye.
AbeeNkonzo zoNcedo olu Ngxamisekileyo baye bamchaza njengoswelekileyo kwindawo yesehlo, logama i-IPID sele yazisiwe kwaye iza kuphanda esi sehlo.

