9.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Kubhubhe umtu wamnye ze kwangxwelerheka abanye kwizikhukhula zakuGatyane

Umasipala wesithili saseAmathole uthi kwingxelo yakhe, Kangangenani labantu ekubikwe ukuba bonzakele emva kokudilika kwezindlu zabo kulandela imvula enamandla, iindudumo kunye nomoya onamandla obethe iilali ezintathu zesithili saseAmathole ngenjikalanga yomhla weshumi kuJanuwari 2024. Iilali ezichanekileyo kuquka kuzo iMevana, Fubesi kunye neZinyoka, kwaye ziyinxalenye yedolophu yaku Gatyana phantsi komasipala wengingqi yaseMbashe.

Phakathi kwabo bonzakeleyo kuquka owasetyhini oneminyaka engama-29 ubudala waseMevana, oye wasweleka kwiziko lezeMpilo kuGatyana ngenxa yokwenzakala ngaphakathi. Abanye abonzakeleyo basekweliZiko lezeMpilo linye.

Umasipala wase Amathole uthi Njengabaphenduli bokuqala, iqela leentlekele lesithili elibandakanya umlilo kunye nenkonzo yokuhlangula iye yafika kwindawo yaseMevana kungekudala emva kwe-16: 30 emva kwemini kwaye yaphatha umfana osemtsha owayenengalo ephukileyo.

Abanye abantu abonzakeleyo bebesele bethuthelwe kwiziko lezempilo ngoncedo loluntu.

“Le mpembelelo yemvula ayiyonto yoyikekayo kubo bonke abaye basabela nje qha kodwa nakwabo babengamangqina nabo ngokunjalo. Njengesithili iintliziyo zethu kunye nemithandazo siyisa kusapho lowabasetyhini oswelekileyo kunye nabantu abonzakeleyo abalwela ukubuyisela impilo yabo” itsholo loMaspala kwingxelo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
9.9 ° C
9.9 °
9.9 °
84 %
1.2kmh
90 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks