UMkomishinala wamaPolisa wamkele ngokusesikweni amapolisa amatsha e Aliwal North

UMkomishinala wePhondo, uNjengele Nomthetheleli Mene uye wavula umkhusane kumboniso wasendleleni, owawungowokubandakanya ooConstable abasanda kuqeshwa kusapho lweNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika.

Umboniso oyimpumelelo wacwangciswa ngobuchule, kwaye wahambelana nemisebenzi yexesha leziyunguma, esaqhubeka kwiphondo liphela.

NgoLwesibini, umhla we-09 kuJanuwari 2023, uNjengele Mene uqukumbele umboniso wakhe wendlela kwiSithili saseJoe Gqabi, apho waqala khona ukuthetha namapolisa amatsha amalunga nama-200 kwiHolo yezemidlalo yamapolisa e-Aliwal North.

UNjengele Mene ulumkise ooConstable abatsha ukuba bangabandakanyeki kubuqhophololo, ukusetyenziswa gwenxa kwemithombo yombuso efana nezithuthi.

“Andifuni kwamkela nasiphi na isikhalazo sorhwaphilizo okanye ukungaziphathi kakuhle kwiqela lenu lamapolisa, njengomphathi ophezulu, ndithathe ixesha lokuthetha nani malunga nenani lemingeni ethe ngelishwa yaphambukisa abanye oogxa bethu endleleni.

kwaye ekugqibeleni bazibona abanye babo besentolongweni, ”wongeze watsho uNjengele Mene.

Ngolo suku, nangona bekukho amaxesha emvula enkulu, kodwa loo nto ayizange iwuthobe umoya wamaPolisa amatsha ahamba ngeenyawo, awayesasazwe kumbindi wedolophu, kunye nezinye iindawo ezithandwayo apho babejikeleza kunye nabaphathi abaphezulu, ukuze bakhulise ukubonakala kwamapolisa.

Iindlela ezininzi ziye zavalwa kwiSithili saseJoe Gqabi naseChris Hani.

Abaqhubi beenqwelo-mafutha abaliqela baye bohlwaywa ngenxa yolwaphulo-mthetho lwendlela ukusuka ekuqhubeni ngaphandle kwelayisenisi ukuya ekulayisheni ngokugqithisileyo, kube nezohlwayo ezixabisa malunga ne-R15 000 kwizithili zozibini.

Ebudeni belo phulo, ezi zithili zibini azizange zichaze amatyala olwaphulo-mthetho anobuzaza.

Ukusukela ekuqaleni kwemisebenzi yexesha leeHolide, uMkomishinala wePhondo kunye nabo bonke abaphathi bakhe abaphezulu badlale indima ebonakalayo ekongameleni yonke imisebenzi kwiphondo liphela, njengoko i-Operation Shanela yayiqhutywa ngaxeshanye neMisebenzi yeXesha leeHolide.

Indlela yabo yokusebenza ayiphuculi nje ukusebenza ngokukuko, kodwa ikwasebenza njengenkuthazo yokwandisa umoya wokuziphatha phakathi kwamapolisa.

IMpuma Koloni ifumene ooConstable abatsha angama-987, nabathe banamava okubandakanyeka kwimisebenzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA