13 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Kubhukuqe isithuthi sePetroli kuhola wendlela uN2 eNgqushwa, eMpuma Koloni.

Kubhukuqe isithuthi kuhola wendlela uN2 eNgqushwa.

Isithuthi sePetroli sibhukuqe kuhola wendlela uN2 eNgqushwa sisingise eMakhanda ngaseFish River, eMpuma Koloni.

Esi sehlo senzeke ngentseni yamahlanje malunga nentsimbi yesithandathu (06H10) kwindlela yaseNgqushwa ngaseFish River ePikoli Pass esingise eMakhanda kaNxele umgama oziikhilomitha ezilishumi elinesixhenxe (17km)

Isithuthi esi besisuka eNgqushwa sithwele idizili, bekukho umqhubi omnye

Umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi emva kokubona ukutyibilika kwindlela ebesiya kwigophe elibukhali.

Umqhubi usindile ngexesha lesehlo, amagosa omthetho akwindawo yolawulo lwendawo elumnkisiweyo malunga nento abayenzayo ukuzinceda ngokuvuza kweDizili.

Ityala lokuqhuba ngokungakhathali liza kuvulelwa eNgqushwa ukuze kuqhutyekwe nophando oluthe kratya njengoko umxholo uchaphazela abachaphazelekayo abohlukeneyo njengemicimbi yendalo enokuthi ibangele intlekele kwixesha elizayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13 ° C
13 °
13 °
63 %
5.3kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks