25 C
King William's Town
Tuesday, November 4, 2025

Kubuhlungu kwilali yaseBhityi ngenxa yokufa okwenzekileyo.

Amapolisa aseBityi acela nabani na onganolwazi malunga nabarhanelwa abadubule babulala unogada bathing ababini.Owokuqala noneminyaka eyi-28 kunye nomnye oneminyaka engama-48 ubudala osindileyo kwesi siganeko, ukwimeko emaxongo esibhedlele. Isiganeko sokudubula senzeke kufutshane nekliniki yaseXhwili ngeCawe umhla we 02/11 malunga nentsimbi yeshumi elinambini ebusuku ngethuba kumbonzeleka amadoda angaziwayo, axhwile esisibini asisa ethafeni ngeliyokubadlwengula ze emva koko babadubula.

Ulwazi olufunyenwe ngamapolisa luqinisekisa ukuba oonogada babini basetyhini baxhwilwa kwigumbi lokusebenzela baza badutyulwa Umzimba womnye kwesisibini ufunyenwe ehamba ze enamanxeba amabini eembumbulu entloko ngelixa ugxa wakhe ebebalekiselwe esibhedlele emva koko. Ityala lokubulala, ukuzama ukubulala nelokudlwengula livuliwe kwisikhululo samapolisa eBityi.

Ukanti umphathiswa wezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa kwakunye nesebe lezempilo bavakalise ukudandatheka malunga nesehlo.

U-MEC Capa usigxeke kakhulu esisehlo, esithi asinangqiqo kwaye sisenzo esiphazamisayo sobundlobongela obujoliswe kwabasethyini kunye nabo banikwe umsebenzi wokukhusela uluntu. “Sinethemba lokuba ii-arhente zogcino-mthetho azizukushiya nto koluphando, njenge Sebe leZempilo siyaku sebenzisana ngokupheleleyo namapolisa kwaye sibonelele nangayo nayiphi na inkxaso efunekayo ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka” wongeze watsho uMEC Capa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
25 ° C
25 °
25 °
47 %
7.4kmh
13 %
Tue
24 °
Wed
24 °
Thu
16 °
Fri
21 °
Sat
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks