Kubulewe ngesihlungu inkondekazi yase Cofimvaba

Amapolisa aseBridge Camp aphehlelele iqela ukukhangela abarhanelwa abangaziwayo ababandakanyeka kukubulala ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhozo anesithandathu (86) kwindawo yolawulo yaseTyelerha ngaphandle kwaseCofimvaba.

Oku kulandela emva kokuba amapolisa ebizwe kwindawo yexhwayelo ngeCawe, umhla we-10 kweyoKwindla ngo-2024, nalapho afika khona afumana umzimba wowasetyhini unamanxeba amabi. Ngokolwazi, enkondekazi ibizihlalela yodwa ekhayeni lalo kwaye yagqityelwa ukubonwa ngolwesihlanu umhla we-08 kweyoKwindla, ngabamelwane. Unobangela wesi sehlo simanyumnyezi awaziwa, kwaye iimeko ezingqonge esi siganeko ziyinxalenye yophando.

Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba aqhagamshelane noDetective Sgt Pitoli kule nombolo 0824419184 okanye atsalele inombolo yethu yeCrime Stop ethi 08600 10111

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA