Kuchithwe i-R9.7-million kwi bhulorho yaseMpuma Koloni, kodwa ayikahambeki

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uThembi Nkadimeng uthi kuqale ngoSeptemba ka-2021 ukwakhiwa kwebhulorho yakwaNogqala ngaseNgcobo eMpuma Koloni. Ekuthetha oku ephendula imibuzo yepalamente uthe, NgoMeyi ka-2023, imali eyi-R9.7 yezigidi zeerandi isetyenzisiwe kule projekthi.

Kodwa konke okubonakalayo ngoFebruwari 2024 zikhonkrithi ezimbalwa ezineentonga zentsimbi eziphuma ngaphandle.

USivuyile Myeko, isithethi sikaMasipala waseGqirha AB Xuma, uthe uhlahlo lwabiwo-mali lokuqala belungaphantsi nje kwezigidi ezilishumi elinesithathu zeerandi kwaye umsebenzi waqala ngoSeptemba ka2021.

Nangona kunjalo, umasipala uye wayiphelisa ikhontrakthi ngenxa yokucotha kwenkqubela kunye nokusebenza kakubi. Ityumbe ikontraka entsha kweyeKhala kulo nyaka uphelileyo, kwaye umsebenzi uqalise ngo-Agasti.

Nangona kunjalo, ngethuba abeendaba betyelele le lali kwiveki ephelileyo, bekungekho kontraka kwindawo.

Inkokeli yabahlali uVuyani Mnqayi uthi lo kontraka yemka ngoNovemba 2023 kwaye ayiphindanga ibonwe.

Uthi umasipala uneminyaka engamashumi amabini ethembisa le lali ngale bhulorho.

Abahlali belali yakwaNogqala bafuna ibhulorho yokuya ezikliniki kwaye abantwana bayayidinga ukuze baye esikolweni. Xa kunetha imvula, uninzi lwabantwana abakwizikolo zamabanga aphantsi abazihambi iiklasi kwaye abafundi abakumabanga aphakamileyo kufuneka baqeshe iindawo ezikufutshane nesikolo.

“Xa kukho ukufa kule lali, kuye kunyanzeleke ukuba sithwale isidumbu siwele umlambo kuba akukho bhulorho yeemoto,” utshilo uMnqayi.

Umnqayi uthi lomlambo usube imiphefumlo yabantu abanintsi, abaye barhaxwa xa bewela.

UNosiphe Sikepe uthi abazukulwana bakhe abathathu abakhange baye eskolweni kwinyanga ephelileyo ngenxa yemvula. Abahlali abaninzi belali nabo bababhalisa abantwana babo kade esikolweni, kuba bengafuni ukuba bawele umlambo besebancinci kakhulu.

“Abantu bathi izigidi zichithwe kule bhulorho kodwa akukho nto,” utshilo.

Echaza ubude bexesha elithathwa yile bhulorho, uMyeko uthe kusafuneka uvavanyo lwemfumba kumazantsi ebhulorho. Iimvula ezithe gqolo ngoJanyuwari zithintele unokontraka ukuba asebenze.

Uluntu lukwayikhabile ikomiti yokuqala elawula iprojekthi xa kwaqeshwa ikontraka yesibini. Uthe umasipala uwusombulule ngempumelelo lo mba.

Uthe abantu abali-14 bafumene amathuba emisebenzi kule projekthi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA