Kwingingqi yaseBedford eMpuma Koloni kucholwe umzimba wosana oluneminyaka emithathu ubuncinci, oku kwenzeke emveni kokuba umalume wakhe emoxuthe kunina walo olusana esimokolweni, ze umzimba wale mveku wacholwa kwesinye sezitalato kwakulengingqi. Oku kwenzeke kulempela-veki siphuma kuyo.
Abahlali baphume ngobunintsi babo bememelela ukwenziwa kobulungisa malunga nokubulawa kwalemveku.
UMalume wolusana ujongene nezityholo zokubulala, yena umama walo ujongene nezityholo zokungakhathaleli umntwana.
Eli tyala lihlehliselwe umhla weshumi elinesibhozo (18) kule yeSilimela inyanga 2024 ukuze kufakwe isicelo sebheyile.
Owaziwa nje ngetsha-ntliziyo lamalungelo abantwana, uTata uPetros Majola, uchaze esi siganeko njengelishwa.
“Ndicinga ukuba kufuneka sidlale indima yethu siluluntu kulewadi, kodwa iiKomiti zalewadi, iCPW, zinendima eziyidlalayo ukuze zichonge zonke ezi zikhewu kuba ukuba bebesenza umsebenzi wabo ngeba bayiqaphela ukuba kukho umama ohamba eshibhini nosana oluncinci, nto leyo ethetha ukuba asiwenzi umsebenzi wethu malunga nokuxhobisa abafazi namadoda namakhwenkwe ethu ekuhlaleni.”
Siyakholwa Vuso

