Umdlali owayesakudlalela elinye lamaqela alapha eMzantsi Afrika nongumdlali wangasemva ude wayifumana impumelelo ebeyilangazelela.
USiyabonga Ngezana nowayesakudlalela Amakhosi ukususela kubafana abancinci abangahlawulwayo de wafumana ithuba lokonyuselwa abengomnye wabahlawulwayo, ude wayifumana wayibamba indebe yeleague xa iqela lakhe eRomania iFCSB liphumelela umdlalo weleague.
IFCSB yaseRomania phezolo uMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe(27) kule imiyo ibethe iFC Farul Constanta ngamanqaku amabini kwelinye(2-1). Lo mdlalo ubudlalwa liqela elidlalela uNgezana wenze ukuba bafumane omathathu amanqaku nto leyo eyenziwa kungabikho qela okanye maqela anokukwazi ukulifumana kungenjalo ligqithe kubo.
IFCSB iphumelela indebe yeleague yaseRomania isihlandlo samashumi amabini anesixhenxe(27) xakungoku nje. USiyabonga udlalele iKaizer Chiefs ixesha elide kodwa zange ayibambe indebe naMakhosi de wafumana ithuba lokudlala phesheya kolwandle. Kungoku nje uNgezana uzakudlala okokuqala kwindebe yeEufa Champions league yaseEurope.
Lomdlali wangesemva uSiyabonga Ngezana usethubeni lokuba angachongwa nguHugo Broos ongumqeqeshi weBafana Bafana nanjengoko kulungiselelwa ukudlala umdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ka2026. IBafana Bafana kulindeleke ukuba iqubisane neqela laseNigaria ngomhla wesithathu kweyeSilimela kulonyaka umiyo.
Owayesakuba ngumqeqeshi weChiefs nowayekwangumqeqeshi wabafana abancinci beChiefs uArthur Zwane wambona ngethuba edlalela abafana abancinci beOrlando Pirates. Ngethuba wayedlalela iPirates yabancinci uNgezana wayedlala phambile nto nje watshintshwa nguMangeke wamenza umdlali wangasemva kwiKaizer Chiefs reserves. IChiefs yona ifince iminyaka elithoba ingayifumani indebe kweli loMzantsi Afrika, yagqibela ngo2015 ngethuba iphumelala ileague. Nangona iliwa libheke umoya kubafana baseNaturena kodwa phezolo kuNgezana nakwiChiefs kude kwanetha nasentlangu emva kokuphumelela ileague yaseRomania kwiqela lakhe IFCSB yaze yona iChiefs yaphumelela okokuqala emva kwemidlalo eliqela ingaphumeleli, iKaizer Chiefs yona izibethele iSupersport United ngamanqaku amabini kwelinye(2–) kumdlalo weDSTV Premiership nobubanjelwe eNew Peter Mokaba.