By Sibusisiwe Mchasa
Abarhanelwa abane badutyulwe babhubha, waza omnye wenzakala ngethuba kudubulana abarhanelwa namapolisa eQoboqobo (eKeiskammahoek). Esi sehlo senzeke kwindawo yoLawulo yakwaShoxa, kwindawo yaseMarikana ngaphandle kwaseQoboqobo ngentseni yayizolo, umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyoMsintsi 2024.
Amalungu aphantsi kweTactical Response Team (TRT) eMdantsane naseMonti, alandele iinkcukacha zabarhanelwa abatyholwa ngokuba nemipu engekho mthethweni, adlulela kummandla waseMarikana eQoboqobo (Keiskamahoek). Ekufikeni kwabo kwindawo yexhwayelo, baye basokola ukungena kwindlu echongiweyo ngenxa yodonga olude olubiyileyo, kodwa ekugqibeleni bakwazile ukungena.
Njengokuba amalungu ebengena ngobuchule kule ndawo, abarhanelwa bazamile ukubaleka besebenzisa iindlela zokuphuma ngasemva, kodwa bavalelwa ekoneni, baqala badubula amapolisa.
Amalungu aziphindezele, kwaye abarhanelwa abane benzakala de babhubha, kwaye umrhanelwa omnye ufumene amanxeba okudutyulwa kwaye wasiwa kwisibhedlele esikufutshane.
Abarhanelwa abaswelekileyo abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anethoba ukuya kumashumi amane bayaziwa, kodwa azichazwanga. Umrhanelwa wesihlanu oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo kungoku nje uphantsi kweliso lamapolisa.
Amapolisa afumene imipu emithathu engenampepha-mvume eneembumbulu, iiveni ezimbini, iToyota Hilux kunye neCorsa ekukholelwa ukuba ibibiwe.
Eli tyala lidluliselwe kwicandelo eliziMeleyo loPhando lwamaPolisa (IPID) ukuze kuphandwe kabanzi.
UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uzibulele iinzame zamalungu ekuqinisekiseni ukhuseleko loluntu.
“Amapolisa ayakuhlala eshushu ezithendeni zabarhanelwa ukuqinisekisa ukhuseleko lwabemi abathobela umthetho. Ndiyawancoma amalungu ngobuchule bawo obuchubekileyo kunye nezinga lomsebenzi wabo, njengoko kungekho namnye kumalungu ethu onzakeleyo,” utshilo uLt Gen Mene.

