Indoda eneminyaka eyi-33 ubudala idutyulwe yafa ngexesha lokudubulana namapolisa e-Etwa Location ngaphandle kweQumbu ngokuhlwa komhla we-10 kweyoMqungu 2026. Esi siganeko senzeke malunga ne-19h15 Nagesha amapolisa lokukhangela umrhanelwa ofunwayo.
Ngokweengxelo, amalungu eQela i-TRT ayeqhuba umsebenzi wokulandelela onxulunyaniswa nothotho lolwaphulo-mthetho olunzima, oluquka ukuzama ukubulala, ukubulala kunye nobusela bemfuyo. Umrhanelwa wayefunwa emva kokungaphumeleli ukuvela enkundleni ngetyala lokuba nompu ongenalayisenisi.
Amapolisa athe efika kwikhaya lakhe, umrhanelwa waphuma waza wadubula Amapolisa ze ke aphindisela ngokudubula, amchana wabhubhela kwindawo yesiganeko.
Kuye kwafunyanwa umpu ongena layisenisi wohlobo lwe-9mm one nombolo ze-serial number ecinyiweyo, kunye nemagazini yee mbumbulu, kwindlu yomrhanelwa lowo.
Amatyala okuba nompu ongenalayisenisi kunye neembumbulu, ukuzama ukubulala kunye nokuhlasela amapolisa avuliwe, ngelixa uphando lusephantsi kophando.
ICandelo loPhando lwaMapolisa eliZimeleyo (i-IPID) lizisiwe kwaye liza kuphanda iimeko ezijikeleze ukudubula. I-SAPS iqinisekisile ukuba amapolisa abandakanyekayo aza kufumana inkxaso yengqondo ngokwemigaqo eqhelekileyo.

