Amapolisa aseMpuma Koloni acela ulwazi olunokunceda kuphando malunga nokubulawa kukaSibonda, unina, kunye nokuzama ukubulala ilungu loluntu.
UColonel Siphokazi Mawisa uthe esi siganeko senzeke kwilali yaKomkhulu kwisithili iNqabarha kufutshane nakuGatyane. Ukanti esisiganeko senzeke ngokuhlwa kwangolwesihlanu umhla wesine (4) kweyoMsintsi.
“Kuthiwa amaxhoba ebekwikhaya lawo xa ehlaselwa ngabarhanelwa abangaziwayo, abavulele ngembumbulo bengabhungisanga ngaphambi kokuba babaleke kwindawo yesiganeko.
“Usibonda kunye nonina bafumene amanxeba okudutyulwa kwaye babhengezwa ukuba babhubhele kwindawo yexhwayelo.
“Ixhoba lesithathu, ilungu loluntu elineminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala, nalo lidutyulwe laza lasiwa esibhedlele ukuze lifumane unyango,” utshilo uMawisa.
Uthe amapolisa avule amatyala amabini okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala kwaye aphanda iimeko ezijikeleze esi siganeko, kuquka nesizathu sohlaselo.
“Iqela labaphandi abanamava linikwe umsebenzi wokuphanda ityala. Akukho kubanjwa kwenziweyo; nangona kunjalo, uphando luyaqhubeka,” wongeze watsho.
Amapolisa akwabhenele kumalungu oluntu ukuba angazithatheli umthetho ezandleni zawo, kodwa avumele inkqubo yobulungisa bolwaphulo-mthetho iqhubeke.
“Nabani na onolwazi uyacelwa ukuba abike kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele umnxeba inombolo yeSAPS Crime Stop ku-08600 10111. Ulwazi lunokwabelwana ngalo ngokungaziwa ngeMySAPS App.”

