UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncome umsebenzi owenziwa ngamapolisa ngokubanjwa ngokukhawuleza kwabarhanelwa abathathu ekutyholwa ukuba babandakanyeka ekukhuthuzeni amalungu amabini(2) aseWells Estate ngentsasa yayizolo 27/08, kwaye egxeka kabukhali uhlaselo lwamagosa asebupoliseni.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesibhozo(07:40) amalungu eSAPS Swartkops ebesabela kwityala lokubulawa kwabantu kwisitalato iMalinga eWells Estate ngethuba lamapolisa mabini efikelwa ngamadoda amathathu axhobileyo. Lamadoda andule ukoxhutha imipu yamapolisa, iiselula kunye nezipaji zabo. Akuphelelanga apho, oonqevu baye babafaka ngetshova ngasemva evenini leyo ibihamba amapolisa kwahanjwa nabo.
Bathe xa bebekwisitalato iGijana eWells Estate, abarhanelwa bamisa beqweqwedisa enye imoto yakwaRenault. Umqhubi wesithuthi sakwaRenault uye wakhutshwa ngenkani kwisithuthi sakhe ze abarhanelwa bangena kwimoto leyo yakhe baqhuba. beshiya isithuthi samapolisa ngasemva kunye namalungu emva.
Malunga nentsimbi ye-10:30, kwangaloo ntsasa, isibini(couple) sasiqhuba e-8th Avenue eWalmer apho kuthe gqibkwakho lamadoda mathathu(3) exhobile azama ukumisa imoto yabo, iVW Polo. Ngethamsanqa umqhubi, oneminyaka engama-36 ubudala uyiqonde msinya into eyenzekayo ze wajika isithuthi sakhe ebaleka esiya emapoliseni eWalmer. U-SAPS Walmer uphendule ngokukhawuleza ummangali elandela ngasemva kuleqwa abanqevu. Baye bafunyanwa babehamba ngeenyawo, baye ke bebona isithuthi samapolisa bakhawuleza bakhwela iteksi. Iye yamiswa iteksi babanjwa. Isithuthi seRenault eso abebesikhuthuze emtwini sifunyenwe sinyengezwe kwisitakato esithile kude kufuphi abo babanjwe khona.
Kufunyenwe imipu emithathu (9mm pistols) ithe ngcu ecaleni kwendlela kwiindawo ezahlukeneyo. Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engama-30-35 ubudala baseluvalelweni. Emibini kule mipu yeyamapolisa athe aphangwa eWells Estate. Amapolisa avule amatyala okuzama ukuqweqwedisa iinqwelo kwakunye namatyala amathathu okuba nemipu engekho mthethweni.