Kulindeleke bavele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha abarhanelwa abathathu ngezityholo zokubulala

By Nyameka Lamani

Kubanjwe abarhanelwa abathathu(3) malunga nokuhlaba babulala indoda eneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu(65) ubudala eNewton Park eGqeberha emva kokuqhekeza kwikhaya lakhe.Oku kwenzeke kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuba esi siganeko sibikiwe emapoliseni ngentseni yangoLwesine umhla wamashumi amathathu(30) kweyeDwarha ka2025.

Amapolisa akhawuleze aqhuba uphando olunzulu, nto leyo ekhokele ekubanjweni kwabasetyhini ababini(2) abaneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu(36) kunye namashumi amahlanu anesixhenxe(57), kunye nendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu(3) ubudala.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Mawisa uthe amagama abarhanelwa akuzukwazi ukukhutshwa nanjengoko bengekaveli enkundleni.

Utshilo ukuba Isizathu sesisehlo asikacaci kwaye siyinxalenye yophando.

UMajor General Vuyisile Ncata uncome abecuphi ngokuzinikela nokusebenza nzima kuphando lokubulala nokuphangwa kwezindlu.

Esi sithathu sibekwe izityholo zokubulala kwaye kulindeleke ukuba sivele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo umhla wesithathu(03) kweyeNkanga 2025.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
57 %
3.6kmh
86 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA