Kulindeleke iindibano zovakaliso-zimvo ngokuguqulwa kwamagama eedolophu eMpuma Koloni

Kulindeleke ukuba kubanjwe iindibano zovakaliso-zimvo ngotshintsho lwamagama acetywayo kwiidolophu ezininzi kubandakanya i-Graaaff-Reinet kunye ne-Adendorp ngomhla wama-26 ukuya kuma-29 kaFebruwari.

Ezinye iidolophu ezikuluhlu zibandakanya iNieu-Bethesda kunye ne-aberdeen.

Ikomiti yezindibano ithi, phakathi koluhlu lwezicelo eziza kuxulushwa kwiindibano zovakalelo kukutshintshwa kwegama ledolophu iGraaff-Reinet ekucetywa ukuba litshintshelwe kwigama i-Robert Mangaliso SobuKwe ne Adendorp ecetywa ukutshintshelwa kwigama i-KwaMseki Bishop Limba.

I-ECPNGNC ithe yafumana izicelo zokuphinda kuthiywe amagama eedolophu ngokutsha, kwaye kungoku nje lenkqubo ikwinqanaba leendibano zikawonke-wonke kunye nentengiso yamagama acetywayo ukuze kubhalwe phantsi igama ngalinye elicetywayo.

Ukuba kukho naziphi na izichaso zamagama, iKomiti ithi loomagama azakuthunyelwa kwi-ECPPNGNC ze kulindelwe impendulo.

Ikomiti ithi ukuba kukho imvumelwano kwigama elitsha phakathi kwabo bonke abachaphazelekayo, iya kwenza izindululo kwiBhunga laMagama eeNdawo kuZwelonke.

IBhunga liya kuthi “lihlole iinkqubo ezilandelwayo ekuqukumbeleni ukuba igama elinje lifanele kusina ukuba libekwe emgangathweni okanye lamkelwe ngaphambi kokuba igama lifakwe kwizimvo zikawonke-wonke,” itsho iKomiti.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA