Kuthwe ndlelantle kuBishop noGqir. John Bolana eGqeberha

Amawakawaka abantu adibene ngembeko kwibandla I Bantu Church of Christ eNew Brighton eGqeberha nanjengoko umngcwabo wenkokheli yelibandla uqhuba.

Namhlanje, isizwe soMzantsi Afrika sithi ndlela-ntle ngokuphumla kukaBishophu uGqr John Bolana, indoda ebichazwa ngokubanombono, engumzekelo, kunye nokholo olunzulu kwinkolelo yamaKrestu.

Inkumbulo(legacy) yakhe iya kuqhubeka ikhuthaza uluntu ngokubanzi kwaye ikhokele usapho lwakhe, nabo bonke abasikelelweyo ukuba bahambe kunye naye kulendlela kanye ngexesha ebesaphila.

Phakathi kwabantu abebezimase lenkonzo benika imbeko nguMnu Fikile Mbalula, uMnu Gwede Mantashe, uGqirha Zweli Mkhize, uMnu Burns‑Ncamashe, uMnu Phumulo Masualle, uMnu Zizi Kodwa, uMnu Xola Pakati, uNkosazana Sisisi Tolashe, uNkosazana Mmamokolo Kabayi, uGqirha Patrice Motsepe, uMnu Tony Duba, uMnumzana uMlibo Qhoboshiyane nezinye iinkokeli county bezihlangene ukuhlonipha nokubhiyozela ubomi obumangalisayo beliqhawe.

Inkulumbuso uLubabalo Oscar Mabuyane kulindeleke ukuba anike imbeko kuBhishophu ngethuba lomngcwabo. Ukanti noMongameli weli Cyril Ramaposa nangona ebengekho namhlanje, kodwa ebefikile ukuzokuvela phambi komngcwabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA