Ummi waseChina oxhwilwe eGqeberha kwiveki ephelileyo, ukhululwe ngoLwesithathu umhla weshumi (10) kuTshazimpunzi emva kokuhlawulwa kwentlawulo engachazwanga.
URunny Henry, oneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ubudala, waxhwilwa kwishishini losapho lwakhe eNorth End ngentseni yangoLwesihlanu ophelileyo.
Ukuxhwilwa kwakhe kweza ngaphantsi kweenyanga ezimbini emva kokuba uMama wakhe, oneminyaka engamashumi amahlanu (50), exhwilwe kwindawo enye.
Ukanti abaqweqwedisi bakaHenry benza isicelo sentlawulelo ngaphantsi kwemizuzu engamashumi amathathu (30?) emva kokuba ehluthiwe.
Isithethi sebutho looKhetshe, uYolisa Mgolodela, ungqinile ukuba ukhululwe ngezithuba zentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngoLwesithathu kufutshane nase Kariega engenawo nomkrwelo.
UMgolodela akakhange afumaneke ukuba athethe ngesi sixa sentlawulelo. Nangona kunjalo umthombo othembekileyo nangona kunjalo udize ukuba isicelo sentlawulelo esingaphezulu kwe-R1m senziwe, kodwa le mali yehliswe kakhulu.
Ntlandlolo xa unina kaHenry wathinjwa ngoFebruwari, amadoda anezibhamu amtyhalela ngaphakathi kwimoto yohlobo lwe-Audi. Wabanjwa iiyure ezingamashumi amabini anesine (24) ngaphambi kokuba akwazi ukubaleka kubahlaseli bakhe eMotherwell. Ethetha kwindawo ashishina kuyo ngoLwesine, umama wakhe akavumanga ukuphefumla ngesisihelegu.
Nangona kunjalo ukhankanye ukuba ubunzima bakhe bubonakala bujolise kunyana wakhe.
Okwangoku nje akukacaci nokuba aba baqweqwedisi banye bayabandakanyeka na kwiganeko sika mama nonyana.

