14.2 C
King William's Town
Friday, December 6, 2024

Kuya kukhanya kumaqela ebhola ekhatywayo afana neKaizer Chiefs

NGAMAQELA AKWIPHONDO LASEGOUTENG AMATHATHU EXUTYWE LIQELA LASENTSHONA KOLONI AYA KUMANDULELA KAMAGQIBELA KANKQOYI WEMTN8

Kuqale iMamelodi Sundowns ngethuba iqubisene nezinyoni zasedube iMoroka Swallows ukugqithela phambili, lomdlalo uqale ngentsimbi yesithathu ngemvakwemini yangomgqibelo ePitoli. Ukhumbule ukuba yimidlalo yokuqala yendebe kuleseason kunjalo nje idlalelwa ngamaqela athe aphela ekwindawo yokuqala ukuyakuma kweyesibhozo kumaqela ePSL. IInjinga ezikhuselayo liqela leOrlandoPirates, kunjalo nje lomdlalo ubudlalelwa kwibala iLucas Master pieces Moripe isiqingatha sokuqala somdlalo siphele iliqanda macala omabini iSundowns neSwallows kunjalo nje siphele iSwayi Swayi sele idlala ngabadlali abalishumi emva kokuba uAndile Jali nonguye okhekele iqela ebaleni ukutsho oko ukaputeni nobesakudlalela iSundowns ephume ngekhadi elibomvu umdlalo usanda Kuqala. Kodwa ke sithe sisanda kuqala isiqingatha sesibini iSundowns yafaka inqaku lifakwa nguThemba Zwane zaphumelela iiBrazilians ngenqaku elinye eqandeni zigqithela kumaqela amane phambi kwamagqibela kankqoyi. Ukhumbule kakuhle ke ukuba iminwana phezulu ayikabethwa kuleseason iyiphumelele yomibini imidlalo esele idlaliwe yeDSTV premiership nalapho ibethe iSekhukhune United ngamabini kwelinye kowayo yaze yabetha iChiefs ePitoli nayo ngamabini kwelinye ngumdlalo wesithathu kwimidlalo emithathu iwuphumelela kule iseason iqalayo. Ibikokokuqala uRulani noSteve bedibana emva kokuba bohlukene kwiSundowns uSteve waqeshwa ngabafana bomthandazo walishiya iqela leSundowns.

Omnye umdlalo ubudlalwa weMTN 8 ngomgqibelo abakhuseli balendebe nabangoyikiyo ukufaka amanqaku iOrlando Pirates ibhaxabule iSekhukhuni United ngempama yamanqaku eqandeni lo mdlalo uqale wona ngentsimbi yesithandathu ukhumbule ukuba lamaqela mabini ngawo aweyedlala kumagqibela kankqoyi kwindebe yakwaNedbank kwinyanga eziphantse zantanthu ezidlulileyo nalapho ibhakabhaka yayithathai ndebe ngamanqaku amabini kwelinye, omabini lamaqela ayiphumelele imidlalo yayo yeDSTV premiership yaphakathi evekini apho iiSea Robers zibethe iRoyal AM ngamane kwamabini amanqaku yona iSekhukhune United yazibethela iCapeTown Spurs ngamabini eqandeni. Ukanti kwelinye icala omabini lamaqela abethiwe imidlalo yokuvula xa iSekhukhuni ibibethwa liqela leMamelodi Sundowns ibethelwa kowayo ngamabini kwelinye yona iPirates yabethwa siStellenbosch ngelinye kwiqanda ekapa. Abadlali bePirates abafumene ukonzakala nguThembinkosi Lorch nominal Timm yena uKatlego Otladisa ofikayo kweliqela ebefumene nje ukuphazamiseka okuncinci, abadlali abayingozi kwiPirates nabebekwa phambili ibinguZakhele Lepasa kwiSekhukhuni United nguElias Mokwana, lamaqela adlale imidlalo emihlanu iPirates yaphumelela emithathu iSekhukhuni yayibetha kwakanye iPirates. Aqala ukudlala omabini lamaqela ngenyanga yeshumi elinanye kunyaka ka2021 ukanti amanqaku alishumi abawafakileyo ikhokhele ibhakabhaka ngamathandathu ize yona iBabina Noko abemane. La manqaku mahlanu ngoku ongeza ukuba abelishumi elinanye amanqaku afakwe ngezikamagebhula kwiSekhukhuni kwimidlalo emithandathu abayidlalileyo ukuzakuthu ga ngoku. Amanqaku ngomgqibela wePirates amathathu afakwe nguZakhele Lepasa ukhumbule ukuba lo mdlali usuka kubolekiswa kwiSupersport United ngoku ubuyile kunjalo nje wenza izinto zamehlo kuba nakumdlalo weleague phakathi evekini ngethuba bebetha iRoyal AM ufake amanqaku amabini kulampumelelo ysmanqaku amane kwamabini, ukanti amabini amanqaku kwiMTN 8 afakwe nguNdabayithethwa Ndlondlo noMonnapule Saleng.

Kanti ngecawa sibone kudlana iintsimbi imidlalo emibini nalapho kudlale iSupersport United neqela laseKapa iStellenbosch FC eNew Peter Mokaba stadium ukanti yona iKaizer Chiefs ibindwendwele iCape Town City eKapa kumabala aseAthlon ukhumbule ukuba iCape Town City ayikabethwa kwiDSTV Premiership kuleseason kulemidlalo mibini sele idlaliwe ivule ngokubetha iPolokwana City ngelinye eqandeni yabetha iSwallows kowayo phakathi evekini ngelinye eqandeni kanti yona iChiefs ayikaphumeleli kwamdlalo kuba ivule ngokuqengqana ngamaqanda neChipa United kowayo yaze phakathi evekini yabethwa yiMamelodi Sundowns ekuhambeni ngamabini kwelinye. ISupersport United yona ayikabethwa ibethe iRichards Bay ngamabini eqandeni ukuvula kwayo yaze yabambana namazulu ngamaqanda kumdlalo waphakathi evekini.

Ekapa kumabala aseAthlon iKaizer Chiefs neCape Town City kuphele isiqingatha sokuqala somdlalo ilinqaku macala iqala yafaka kuqala iCape Town City ngenyawo likaMark van Herden abuya amakhosi ngoAshly du Preez kodwa kuthe xa sele kongezwe ixesha kwisiqingatha sesibini iChiefs yafaka inqaku nelifakwe nguAdson Castilo yabe iyaphumelela ngamanqaku amabini kwelinye yona iSupersport United ibethwe kabuhlungu siStellenbosch FC ngelinye eqandeni nqaku elo lingene kwixesha elongezelelweyo nalapho uAndre de Jong efake elonqaku. IStellies sona sivule iDSTV premiership ngokothusa ibhakabhaka ngethuba beliyibetha ngenqaku kwiqanda eKapa kodwa ke nabo bothuswe ngabatshakazi bePSL ngethuba bebethwa nabo ngelinye eqandeni yiPolokwane City.

Kungoku nje amaqela aya kwisandulela samagqibela kankqoyi liqela laseKapa iStellenbosch FC amabini aseSoweto iPirates neChiefs ize ibe lelasePitolii iSundowns.

Athelekisiwe amaqela amane ashiyekileyo emva komdlalo weSupersport United neStellies kumabala iPeter Mokaba phezolo nalapho Ezimnyama ngenkani zizakundwendwela iStellenbosch FC eKapa kumlenze wokuqala ze umlenze wesibini ubeseOrlando kuloPirates kulapho lomdlalo ezikamagebhula zizakufuna ukubuyisa izitya emva kokubethwa kwileague ngenqaku kwiqanda. Amakhosi wona azakufuna ukuguqula izinto ngethuba ezakube ehlinzeka iminwana phezulu kuloChiefs kumlenze wesibini kuyiwe ePitoli kuloSundowns. Ukhumbule kaloku amakhosi abethwe yiminwanwa phezulu kwileague ngamabini kwelinye ePitoli sawutya efileyo nakwesi isihlandlo unganyebelezeli kuzakudlalwa. IPSL izakubhengeza amabala amaxesha nenyanga nemihla ekuzskudlalwa ngawo kungentsuku zatywala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.2 ° C
14.2 °
14.2 °
89 %
1.4kmh
100 %
Fri
28 °
Sat
21 °
Sun
29 °
Mon
27 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks