Kuzabe kungumbiyozo wamaGcisa kwiDolophu yaseRhafu kwiveki ezayo.

IDolophu yaseRhafu yenye yezona dolophu zindala zoMzantsi Afrika, indawo apho lazalelwa kuyo igqala lomzabalazo wenkululeko uRobert Mangaliso Sobukwe, le nyanga yeSilimela yinyanga ezisa udlamko nemibhiyozo yeNyanga yoLutsha njengoko izakusungula uMnyhadala weeMbono zeNkululeko ukusuka ngomla wesihlanu (5) ukuya kowesixhenxe (07) kule yeSilimela inyanag 2025.

Lo mnyhadala awupheleli nje ekuboniseni iinjongo zikaSobukwe ezingagungqiyo zesidima, inkonzo, kunye nenkululeko yobukrelekrele kodwa ukwatyala imali echuliweyo kuqoqosho lweli phondo lokuyila – ojolise ngqo ekujonganeni nengxaki yokungaphangeli kolutsha.

UMlawuli womnyhadala uMariza Matshaya ugxininisa imfuneko engxamisekileyo yokwenziwa kwezinto ezintsha zasekuhlaleni.

“Asinawukwazi ukulinda izisombululo ezivela ngaphandle. Kufuneka sizenzele amathuba ngokwethu kwaye oko kuyakuthetha ukuba sityala imali kwizakhono zolutsha, kumabali ethu, nakwiindawo esiphuma kuzo,” utshilo.

Lo mnyhadala uzakubanjwa kwiholo iRupert Theatre, uthembisa amava enkcubeko aguqukayo. Imiboniso bhanyabhanya kunye neendibano zocweyo ziya kwenje-njeya ukuthi saa kwizitrato zaseRhafu kunye neendawo zelifa le mveli, ukuguqula idolophu ibe yindawo ephilayo yenkcubeko.

Imisitho engundaba-mlonyeni iquka ukuboniswa kwamaxwebhu afana nethi *Sobukwe: A Tribute to Integrity*, *Uprize*, kunye *neMother City*, kulandele iingxoxo ezikhokelwa ngumqulunqi weefilimu. IZiko loLondolozo lweMbali iRobert Sobukwe liza kubamba iingxoxo zephaneli ngePan-Africanism, uthatho-nxaxheba loluntu, kunye nendima eguqukayo yomsebenzi wenkcubeko ekubumbeni uluntu.

Lo mnyhadala uza kuqukunjelwa ngomculo wokucamngca osihloko sithi *Our Fire Still Burns* weqembu lomculo iPhupho L’ka Biko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA