Kwaakhutshwa umehl’akaboni wemali engange R50 000 emva yokulahleka komtwana nyakenye

Sele kudlule unyaka amapolisa aseGqeberha enikezele ngembuyekezo yamashumi amahlanu amawaka (R50 000) efuna ulwazi olunokuthi lukhokelele ekubuyiselweni ekhuselekile komntwana oneminyaka emine (4) ubudala uNakane Lizane, waseWells Estate.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi icandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) lisaphanda ngokuduka kwakhe kwaye ukuza kuthi ga ngoku akukabikho zinkcukacha zikhoyo.

Uthi uNakane waduka ngomhla weshumi elinanye (11) kuCanzibe ngo-2023, ngelixa wayedlala ngaphandle kwekhaya lomzali wakhe emva kokukhutshwa kwindawo yokugcina abantwana.

Ngokwengxelo yeendaba zeAlgoa umntwana wayedlala phandle nobhuti wakhe oneminyaka elishumi (10) ubudala ngelixa umama wabo epheka isidlo sangokuhlwa.

Iingxelo zidiza ukuba, wathi xa ebabiza ukuba beze kutya, kwangena umkhuluwa yedwa.

Ukulandela ugqogqo lokukhangela, umama wakhe wachaza ukuba ulahlekile kwaye itheko lokukhangela abantu abaninzi lasungulwa.

UKapteni Janse van Rensburg uthi amaqela amaninzi ogqogqo aye asekwa, kwaye ugqogqo oluninzi lwaqhutywa ngoncedo lwamapolisa, amalungu oluntu, amaziko osasazo, kunye neenkampani zokhuseleko zabucala ezithe zanikezela ngeedrones zazo ukuba zihlole iindawo ezingqongileyo.

Uthi bayaphinda babongoza nabani na onokuthi acacise ngokuduka kwalenkwenkwana ngendlela engaqondakaliyo ukuba atsalele umcuphi uMluleki Mhlangani ku-079 896 7509.

Ngexesha lokuduka kwakhe, uNakane wayenxibe ijean emnyama, isikipa esinombala okhanyayo, kunye nebhatyi emnyama.

UKapteni Janse van Rensburg uthi bafuna naluphi na ulwazi olunokukhokelela kwiziphumo ezincumisayo, umntwana makafunyanwe, nokuba zithini na iimeko.

ULizane uchazwe kwisikhululo samapolisa saseSwartkops

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA