By Siphiwo Boqwana.
UHugo Broos onguMqeqeshi weQela leSizwe leBhola eKhatywayo loMzantsi Afrika iBafana Bafana ulibhengezile iqela lakhe lokugqibela nelizakuthi liqubisane neqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseLesotho kumdlalo wokuhlungela iNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo kunyaka ozayo phantsi koMbutho weHlabathi weBhola eKhatywayo iFiFA kumnyaka ozayo ka-2026.
Eli qela libhengezwe izolo umhla weshumi elinesithathu(13) kweyoKwindla ngoLwesine ezintsukwini. Oku bekusenzelwa kumagumbi osasazo e-SABC Auckland Park.
Ngamashumi mabini anesithathu (23) abadlali abathe batyunjwa kweliqela kumashumi amathathu anesixhenxe (37) abadlali ababetyunjiwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Into esinokuzibalula kweliqela lika-Broos kukubuyiselwa kuka-Percy Tau, ukutyunjwa kwabadlali abagqibele ukudlala kumaqela abo abafana noRonwell Williams weMamelodi Sundowns noTalente Mbatha we-Orlando Pirates kwakunye nokutyunjwa komdlali omtsha kweliqela nodlalela iTS Galaxy uKhulumani Ndanana.
IBafana Bafana iku-Group C ifakwe ne-Nigeria, iZimbabwe, iRwanda, iLesotho neBenin. UMzantsi ukwindawo yesibini kolu luhlu la maqela aku-Group C kunjalo nje banamanqaku asixhenxe baphumelela imidlalo emibini badlala ntanganye kwakanye baze batywatyushwa ityeli elinye.
IBafana iyalingana ngamanqaku neqela elikwindawo yokuqala iRwanda nenamanqaku asixhenxe(7).
Naba abadlali abatyunjiweyo ezipalini nguRonwell Williams, uSipho Chaine, noRicardo Goss.
Ngasemva nguThabo Moloisane, uSiyabonga Ngezana, uSydney Mobbie, uKhuliso Mudau, uFavaaz Basadien, uNkosinathi Sibisi, uKhulumani Ndamani noAubry Modiba.
Esusiswini kukhethwe uTebogo Mokena, uTalente Mbatha, Hayden Adams, noBathusi Aubaas.
Phambili ngu-Iqraam Rayners noThapelo Morena, uElias Mokwana, uPecy Tau, uLyle Foster, uRelebohile Mofokeng noPatrick Maswanganyi, Goodwin Appollis.
IBafana Bafana izakuqubisana neLesotho ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kule yoKwindla inyanga kumabala iNew Peter Mokaba ePolokwane. NgoLwesibini umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) iBafana intingela e-Ivory Coast apho iyokudlala khona neBenin.

